Bakhuthuzwa ezingcongolweni, ze baphoswe elindleni

USandla Mashiya emi ecaleni kwasezingcongolweni.
Bakhala ngeengcongolo ababanjwa kuzo ngootsotsi abahlali baseLower Crossroad kufutshane naseNewrest eKapa, nabavakalise ukuba oku kwenzeka ngezithuba zasekuseni xa besiya kwiindawo abaphangela kuzo. 
Bathi ukuba xa ushiywe ngabantu ohamba nabo ekuseni ufika sele bekulindile ootsotsi.
USandla Mashiya nongomnye wabahlali bale ndawo, uthe ngethuba zingekho ezi ngcongolo wawungekho lo mkhuba wokubanjwa kwabantu xa bephangela.
“Kubanzima ukuphuma ekuseni kusemnyama nangona izikhalo zisitsho phantse yonke imihla, kuba kaloku woyikisela ubomi bakho, ngoko umamela nje usendlini kodwa awukwazi ukuphuma uyokunceda.”
Ukwavakalise ukuba le ndawo sele ineengcongolo nje yindawo eyayisakudlala abantwana, kwaye unobangela wokuba ibekhona lilindle elifika lime kule ndawo nekulilo elidala kubekho iingcongolo.
“Abanye bakhuthuzwa ze baphoswe kweli lindle, kunzima ukuhlala kule ndawo,  kodwa ke kuba yindawo yethu asinayo enye ngaphandle kwayo sinyamezele,” utsho uSandla.
Abanye babahlali bale ndawo bathe inye into enokusombulula le ngxaki – kuxa isixeko saseKapa singasusa ezingcongolo ze sigalele umhlaba ukuqinisekisa ukuba akuphindi kume manzi agcwele ilindle kule ndawo.
“Le nto ifuna ukususwa yonke nje kule ndawo, kwenziwe ibala apho abantwana bazakuthi badlale khona,” batsho abahlali.
UZingisa Mgijimi nongomnye wabahlali bale ndawo, uthe anqabile amaxesha apho kudlula khona iintsuku ezimbini engevanga sikhalo sabantu ababanjwayo kwezi ngcongolo.
Uqhube wathi, “Ndizihlalela nabantwana bam kuphela,  ndiye ndoyike nokuphuma ndiyokunceda kuba ndoyika ukufa, ngoko ndinyamezela izikhalo ezo emva koko ndilale.
“Watsho esithi abona bantu bangamaxhoba ngabo bahamba kusemnyama ukuya kwezondawo baphangela kuzo.”
UMboniswa Nelson Chitha, nonguceba wakwa Ward 35,  uthe into ezakusombulula le ngxaki kukuba kususwe eli lindle lidame kule ndawo nelilo elenza iingcongolo.
“Sisayizama into yokuba kususwe yonke le nto apha kuba ke sele befumana indawo yokugila imikhuba nje ootsotsi lilo.”
Watsho esithi basathetha nesixeko saseKapa ngalo mba nanjengoko umnqweno wabo ikukusebenzisa le ndawo kwizinto  abahlali abaza kuthi baxhamle kuzo okanye indawana nje yokuba abantwana babeneendawo zokudlala.
“Inininzi into esinokuthi siyenze kulo mhlaba kuba mkhulu kwaye bekungafanelanga ukuba kuma ilindle kuwo, kuba kaloku kwalona bekungafanelanga ukuba lima kule ndawo,” utsho uChitha.
Ekwavakalisa ukuba bazama ngako konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba ezingcongolo ziyatshatyalaliswa khon’ukuze abantu bazokwazi ukuphangela ngaphandle kokuba noloyiko lokuba bazakukhuthuzwa izinto zabo bakugqiba baphoswe ezingcongolweni.