IBlitzboks ifundiswe isifundo eHong Kong

Branco du Preez in the final against Fiji on day three of the Cathay Pacific/HSBC Hong Kong Sevens, round seven of the HSBC World Rugby Sevens Series. Photo: Martin Seras Lima

Abadlali beqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika, iBlitzboks, abasoze bayilibale into ebehlele eHong Kong namhlanje. IBlitzboks zibethelwe oogqirha nezicaka yiFiji kumdlalo wamagqibela kankqoyi ngo’22-0 emini-maqanda eHong Kong National Stadium. Nangona eli qela loMzantsi Afrika liqhuba kakuhle kwimidlalo yehlabathi – kodwa alikaphumeleli kwanto eHong Kong. Kolu khuphiswano iBlitzboke iphumelele yonke imidlalo yayo ngokuthi ibethe amazwe afana neFrance, iKenya, iCanada neNew Zealand.

Phambi komdlalo wamagqibela kankqoyi, uMzantsi Afrika, uye wanyanzeleka udlule kwi-United States of America esokolisayo. Abadlali beli qela liqeqeshwa nguNeil Powel lifundiswe isifundo yiFiji kumdlalo wokugqibela emva kokuyiyeka ilale emgceni izihlandlo ezine zonke. IFiji iwuphumelele ngokufanelekileyo lo mdlalo ngoba ibiwulawula futhi kubonakala ukuba idlala inenjongo ecacileyo yokuphumelela ekupheleni kwemini.

“Sisebenze kakuhle xa ujonga abadlali abangenamava esinabo kweli qela lethu. Besidlala ngaphandle kwabadlali bethu besiqhelo,” utshilo uPowel emva komdlalo.

“Kwezi ntsuku zintathu ndingatsho ukuthi sidlale kakuhle nemidlalo yethu sikwazile ukumelana nayo kakuhle – kodwa ke ngelishwa asenzanga ngokwaneleyo kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Siyavuyisana neFiji, idlale umdlalo oncomekayo. Bendinexhala ekuqaleni kwale midlalo yethu – kodwa ndithe xa ndijonga apho sisuka khona, senze umsebenzi omhle kakhulu,” utshilo uPowel.

Nangona uMzantsi Afrika ubethiwe nje kolu khuphiswa – kodwa wona usathe ngcu phezulu kumanqwanqwa ehlabathi, ulandelwa yiFiji eziintshatsheli, iNgilane kwindawo yesithathu neNew Zealand kwindawo yesine. Umdlalo ochongwe njengomdlali oqaqambileyo kwiWorld Sevens Tournament ibenguWaemer kok. UKoko uthe wonelisekile ngumsebenzi abawenzileyo kule tumente. “Le nto ayikho ngam konke. Iqela lilonke lifanele ukunconywa. Asidlalanga kakuhle kulo mdlalo wokugqibela – kodwa ndonelisekile ngumsebenzi esiwenze kwitumente yonke,” utshilo uKok.