Iincwadi eziya kuMhleli

Molweni ephepheni, ndingumhlali wasePatensie, besibawela nikhe nisincede ngale kliniki yalapha, sinengxaki nayo, apha amanesi mathathu, abantu abagulayo bahlanu kuphela ngemini, abanye bajikwe, abakuhoyanga nokuba ugula kangakanani na okanye lusuku lwakho lokuthatha iipilisi zakho, noceba walapha uyayazi lo nto kodwa akanamanyathelo awathathayo ngayo. Seyineminyaka iqhubeka le nto apha.

– Okhathazekileyo, ePatensie