Unabel’ uqaqaqa unqevu odubule amapolisa

Udutyulwe wanabel’ uqaqaqa unqevu emva kokutshintshiselana ngerhuluwa namapolisa kwilali yaseNgxaxha cebu kuhle eMount Fletcher ngentseni yayizolo.

Esi sehlo senzeke ngethuba lo nqevu ethulula iimbumbulu kumapolisa aseMount Fletcher emva kokuba ethe cakatha kwakhe efuna ukugqogqa umpu obukholeleka ukuba awunampepha-mvume.

Ngethuba kutshintshiselwana ngerhuluwa, amapolisa amabini – achazwe kuphela njengoConstable Qwanti noConstable Lefora – athe afumana umonzakalo ze aleqiswa esibhedlele. Kube ngelo thuba kanye apho amapolisa aye avulela uwalakahla weembumbulu, amdubula ambulala lo nqevu.

UQwanti noLefora bachazwe njengabakwimeko ezinzileyo esibhedlele. Amapolisa avule ityala lokubulala nelokuzama ukubulala, logama ukhala ojongene nendlela asebenza ngayo amapolisa (IPID) ethe waziswa ngesi sehlo.

UMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga usikhalimele isehlo sokudutyulwa kwamapolisa watsho enqwenelela uQwanti noLefora ukuphila okukhawulezileyo esibhedlele.