Abahlali bayakhala ngokunyathela kukaTrollip emabhumeni

Kule veki iphelileyo sipapashe umfanekiso kaSodolophu kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uAthol Trollip, etyelele abakhwetha eTinarha naseMotherwell.

Kange ibavuyise konke konke le nto abafundi beli phephandaba. EBhayi, abahlali bathi lo kaTrollip utsibe ilitye likaphungela kuba njengomntu ongolukanga isiXhosa nonguMlungu akanalungelo lokubeka umcondo wakhe kwindawo yolwaluko lwesiXhosa.

Bathi eyokuyala abakhwetha yona ingaphaya kwamandla ukulumeza. UTrollip ugaleleke kwezondawo emva kokusweleka komkhwetha uLuphelo Madela (19) waseKhayelitsha nobengumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iNkululeko eTinarha. “Uyintoni umlungu kwizinto zamasiko, wolukela phi yena”? Utshilo uNkosana Mlambo.

USebenzile Mntuyedwa ohlala kwilokishi yaKwaZakhele uthe abelungu abathetha isiXhosa bayingozi enkulu kwaye bayakuthanda ukuzicingela tsolo ngelithi bayazazi izinto zakwaXhosa. “Makahoyane nepolitiki azise iinkonzo ebahlalini ayeke amaXhosa nento zawo,” utshilo.

UNomathemba Silolo waseMotherwell uthethe wathi: “Amadoda esintu ayala ukuba sinyathele okanye sihambele kufutshane nentaba singabazali abangoo mama babantwana, umlungu yena uvunyelewa njani, masivunyelwe nathi kaloku, Thyini!”

Ngethuba ebetyelele ezindawo uTrollip ebephelekwe ziinkosi zemveli zaseBhayi, iingcibi, amakhankatha, abazali namagosa kamasipala, uzinike isiduko esithi unguNyawuza.

Nazi ezinye izimvo ezifakwe ngabafundi bephepha kuFacebook wethu (“ilisolezwe”):

* Xolisile Mari: Utata uTrollip ebefuna ukuzivela ngokwakhe ukuba abakhwetha bakhuthuzwa xa bekuthenina.

Utata uTrollip ebengayanga ngezobudoda phaya, ebeye ukuyosombulula ingxubakaxaka yokukhuthuzwa kwabakhwetha ngootsotsi.

IiAmbhulensi azingeni ebakhwetheni mhla ngengxaki? Ziyabizwa zifike. Amapolisa awadingeki nganto nawo, mhla ngengxaki? Ayafika. Nosodolophu uye ngenxa yokuvela kwengxaki leyo!!!

* Duppler Bhungeni: Ndicinga ukuba umkhwetha usengagula isigulo esiqhelekileyo noba sesinxulumene nolwaluko kuzakunyanzeleka ukuba afumane unyango kugqirha. Andiqondi ukuba i-ambulance angangayithathi umkhwetha. Ivumelekile na kwezinye indawo ukuba inkwenkwe iyobona abakhwetha, okanye umlungu akabiyiyo inkwenkwe?

* Danile Hlahla Ngazo Nonkala: UTrollip lo angakhe ajongane nemiba yolwaluko lwasesibhedle nje, ngoba akazi nofifi ngolwaluko atsale amehlo ngalo, angasixelelani na madoda?

* Masimthembe Alu Majaca: Andiboni nto isisiphoso ayenzileyo kodwa mna, kuba ebemele urhulumente esiwe ziinkosi kwaye naliphi na isebe likarhulumente kumele likhathale ngokubhubha kwabantwana, linikezele ngengcebiso. Qha abantu banengxaki nalento kuba ingumntu weDA, kanti akamelanga mbutho la mfo umele umasipala qha.

* Humbles Dlamini: Akafuneki nyhani… ezi nkosi neengcibi bezihamba naye, zimvumele njani umlungu?

* Lusanda Mayeza: Umlungu uyofuna ntoni esikhwetheni Bekufanele ukuba uphelele kude njengoomama, qha ezinkosi neengcibi zefeshini zifuna kuthiwe ziyaqonda. Naye ingathi imze entloko into yokuba akwazi ukuthetha isiXhosa.

Zithini ezakho izimvo ngalo mba? isibhalo@inl.co.za okanye whatsapp ku 063 743 9538