Abakhwetha bahlambela ezibhafini eNgqushwa

Bayakhala abahlali baseNgqushwa ngomlambo wabo osele ulikhaya lelindle. Oku kubangwa yimibhobho ehambisa ilindle lala dolophu ephumela kumlambo iNgqushwa River, ukutyhutyha iilali ezisebenzisa la mlambo ezifana nonoBumba, Mgwalana ukuyokungena elwandle ePort Alfred.

Ivumba lelindle uliva ungekafiki nakulo mlambo kwaye nemfuyo kuthwa ayisaseli kwangenxa yeli vumba. Xa ukufutshane nomlambo kugcwele ubumdaka okungathi ayingomlambo uhambayo.

Ixhego elikhule lidada kula mlambo uMlindeli Kunjuzwa onamashumi asixhenxe anesihlanu ubudala, (75), uthi babevasa kula mlambo bequbha, kukhiwa amanzi okusela, kuvaselwa nabakhwetha, nemfuyo isela pha kodwa ngoku akusenjalo.

“Ngeminyaka yam yokukhula bendikhulela kulo mlambo noogxa bam sisolusela apha ndahlanjelwa phaya nam ndingumkhwetha. Ngoku soze kuba umasipala wavele wazokubeka isitishi selindle kanye kule ndawo. Iyasichaphazela lento kuba siyasokola ukuseza imfuyo kuba nemfuyo iyabubona ubumdaka ayisaseli ngoku kukude kwezinye indawo zokusela ezicocekileyo,”utshilo uKunjuzwa.

Uthi into ebalulekile yimpilo yabo kuba bayaphefumla ivumba elibi eliphuma kulo mlambo.Abakhwetha babo bathi sele bebahlambela ezibhafini.

“Umkhwetha kufuneka ahlambe kumanzi ahambayo, hayi amileyo. Ngumhlola into yokuvasela umkhwetha ebhafini ayizange yabakho.”

UKunjuzwa ukhalela umasipala ongazange aqale bahlalini phambi kokuba enze isigqibo sokufaka isitishi selindle ngasemlanjeni wabo.

UMasipala waseNgqushwa usithumele kumasipala wesithili iAmathole kuba inguwo ojongene nemicimbi yelindle.

abongile.ginya@inl.co.za