ButterKidz: Ulonwabo kwakhona eGcuwa

Ulutsha laseGcuwa lutyhile kwelinye ikhasi ngoku njengoko lisenza ngako konke ukuba uluntu lonwabe ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka.

Le dolophu izakuxakeka ngumnyhadala ozakuba ntsukumbini ukusekela ngoLwesihlanu ukuyokutsho ngoMgqibelo kule mpela veki sijonge kuyo yeKrisimesi obizwa ngokuba yiButterKidzFest nowawusaziwa ngokuba yiHomecoming Renunion Pary kwiminyaka eyadlulayo.

Lo mnyhadala uzakubanjelwa eGcuwa Dam ngoLwesihlanu ngosuku olulandelayo ubanjelwe eBelle’s place. Oosaziwayo abalindelekileyo abazakube besonwabisa uluntu ngoyinzalelwane yala mmandla uLusanda Mbane ongumdlali kumabonakude ekwanguye nomsasazi kwisikhululo iTru Fm eBisho. UDJ Bongz wodumo, Kid Tini, Solgan noStay Fresh. Ukanti nooDJ basekuhlaleni abangosaziwayo abafana noSiaroski, Loyd nabanye bazakube beyinxalenye yokonwabisa ulutsha lwalamandla.

Lo mnyahdala usungulwe nguXolisile Guqaza esebenzisana noSitshaba Plaatje, uSive Thini, uMiso Thini kwakunye noLitha Sihawu. USihawu uthi injongo yabo kukubeka iGcuwa kwizinga eliphezulu.

“Kukunyusa noqoqosho njengoko sikwaphuhlisa nokhenketho kuba ayizokuba ngabathu baseGcuwa kuphela bazakuxutywa nangabezinye iindawo. Sikwazama nokuphuhlisa nabantu bethu wena unento oyithengisayo ofuna ibonwe kuquka abaphekayo abakwi fashoni bamkelekile,” utsho uSihawu.

Amangeno yiR50 phambi kwentsimbi yesithandathu, ze wena ufike emva kwayo ubhatale iR80 kuze kuse. Ukanti iphephandaba I’solezwe liphisa ngamatikiti amathandathu ebantwini. Wena unomdla wokuphumelela itikiti lokuba ungene mahala ungathi uqhafazele kule nombolo kaWatsapp ku: 063 743 9538 okanye ku-isibhalo@inl.co.za.