Mayivalwe kwangethuba imigidi, kutsho amapolisa

UMKOMISHINALA wamapolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga uthi ukuze kunqandeke iziganeko zolwaphulomthetho emigidini, iinkokeli zokuhlala kwaneentsapho ezisingethe le misitho mazivale kwangethuba.

“Siyinkonzo yesipolisa asinakuma ngaphambili kwinkcubeko yabantu beli phondo yokubhiyozela imigidi, kodwa ngenxa yokubona izehlo zolwaphulomthetho sicebisa ukuba imigidi kufuneka ivaliwe ngentsimbi yesithandathu malanga,” utshilo uNtshinga.

Ethetha nephephandaba I’solezwe eBhisho kwiveki ephelileyo, apho abalawuli besipolisa bebebambe umsitho wokwamkela amapolisa amatsha eli phondo angamakhulu amahlanu anesixhenxe, uNtshinga uthi baqaphele ukuba zithande ukuba qatha iziganeko zolwaphulomthetho xa iqhuba ubusuku bonke imigidi.

Kwimimandla yasezilalini, kukho iilali eziyivala kwangexesha imigidi logama ezinye ziye ziyiyeke iqhube ubusuku bonke.

“Imithetho elawula ukuthengiswa kotywala ayivumeli ukuba abantu basele ubusuku bonke,” utshilo uNtshinga.

Kusenjalo uNtshinga ukwamemelele kuluntu laseMpuma Koloni ukuba xa lufumana iingxaki ekubikeni izehlo zolwaphulomthetho kwizikhululo zamapolisa eli phondo, lungatsalela iinkumanda zezi zikhululo kwezi nombolo:

Dikeni: Brigadiya Wolvaard – 082 779 7169

Aliwal North: Brigadiya Xakavu – 082 389 1251

Gcuwa: Colonel Sipho Hokwana – 082 853 6044

Cofimvaba: Colonel Diko – 082 779 7282

Cradock: Brigadiya Madoda Zamkana – 082 301 1530

Monti: Major General Lungile Nqamqele – 082 779 7153

Elliot: Colonel Gezani – 082 301 1205

Rhafu: Brigadiya Andries Trollip – 082 779 7131

Rhini: Brigadiya David Kanuka – 082 461 1587

Humansdordp: Brigadiya John Jantjies – 082 779 7252

Qonce: Brigadiya Luntu Ngubelanga – 082 779 7116

Mdantsane: Major General Henry Vos – 082 779 7162

Motherwell: Major General Funeka Siganga – 082 854 5732

EmaXesibeni (Mount Ayliff): Brigadiya Mthuthuzeli Mtukushe – 082 779 7267

Mount Fletcher: Colonel Makeke – 082 449 2527

Mount Road (eBhayi): Major General Dawie Rabie – 082 779 7214

Mqanduli: Brigadiya Mey – 082 779 7102

Mthatha: Brigadiya Makhonza – 082 334 5578

Port Alfred: Brigadiya Morgan Govender – 082 779 7115

Komani: Major General Sizakhele Dyantyi – 082 522 1444

Tinarha: Major General Johan Fourie – 082 451 7218