Umqhubi weeteksi untingela phezulu

Ntuthuzelo EugenE Mfaka

UNtuthuzelo Eugene Mfaka oyinzalelwane yaseMdantsane eMpuma Koloni, okwangusomashishini ophum’izandla, waqala kwezoshishino ngokuhlamba izithuthi zabantu. Emva koko wazibalula njengomqhubi weeteksi ukususela ngo-1988, ngelokuzenzela imidlana emncede waqhubeka nokwenza izifundo zakhe zeCivil engineering kwiyunivesithi eseBhayi iNelson Mandela Metropolitan Yunivesithi, eyayisakwaziwa nge Port Elizabeth Technikon.

UMfaka usungule iApp ebizwa ngokuba yi “NtuzaApp,” nefakwa kwiminxeba eluhlobo likanomyayi.

Le App isetyenziswa ngabo bafuna ukulandwa ngeeteksi ezikhethekileyo, uyicofa ukuze ulandwe kulo ndawo umi kuyo ngelo xesha.

“Le Application ndiyenzele uluntu, kuba ndibona iindlela esiludanisa ngayo uluntu kwezi zithuthi zethu, siludanise ngokuthi singafumaneki eminxebeni. Enye into enditsalele ukuba ndenze le App kukutyelwa kwethu imali singoonoteksi ngabantu abasiqhubelayo” utshilo uMfaka.

Le yenye yoondlelalula, kuba uninzi lwabantu lisebenzisa ezobuchwephesha, ngakumbi ulutsha.

UMfaka uxhobise uluntu ngelithi maliyeke ukusoloko lihleli phantsi lilindele kuRhulumente, koko malivuke lizenzele, liqale amashishini, lifune amancedo kooECDC, NYDA nakwamanye amaziko alungele ukunceda uluntu.

– isibhalo@inl.co.za