Lugxothiwe usapho olurhanelwa ngentakatho eFlagstaff

UNomaqambisa Matita Zimisele, namanye wamalungu osapho emva kokugxothwa ngezityholo zokuthakatha.

LUYANGCUCALAZA usapho olurhanelwa ngokuthakatha eFlagstaff emva kokugxothwa, konakaliswa imizi yalo kwilali yakuTawuka.

Nakwilali ekufutshane ebelixhwarhe kuyo kwizizalwane ligxothiwe kwangoloyiko lokuza nobugqwirha. Kungoku nje Lucholwe yinkosikazi ethile esikwe yinimba yakuva ngemeko yalo kwilali iMbeki apho lulinde khona isithembiso sokwakhelwa indlu ngumasipala wasekuhlaleni iNgquza emva kweentsuku luhlala kumatyholo alelali.

USodolophu walo masipala uPat Mdingi uvakalise inkxalabo ngokwehlele olu sapho esithi kuyothusa ukubona ixhegokazi nabasetyhini besengamaxhoba ngelixesha kushunyayelwa ukulwa kokuphathwa gadalala kwamakhosikazi nabantwana kuzwelonke. “Ibingumthandazo wethu ukuqhuba eli phulo ngaphandle kokujongana nesiganeko esikumila kunje kodwa kuyabonakala ukuba uluntu lwethu alukawuqondisisi umcimbi wamalungelo nemithetho equlathwe kumqulu wamalungelo oluntu. Singumasipala sizakungenelela kulemeko silwakhele indlu usapho olu apha kwaMbeki ze siphinde sibenephulo elizakuquka ilali zonke ezingqongileyo ukukhalimela lomkhwa,” utshilo uMdingi.

Olusapho lumalungu alishumi elinesithandathu libe lixhoba lempatho gadalala nokugrogriswa emva kukutyholwa ngobuthi. Abahlali bathi, kukho abantu abavele bothuke, bakhale, bekhwaza igama lexhegokazi lela khaya, abanye bade bafe isiqaqa. Ukanti abanye bathi babona elixhegokazi libonwa liphethe inyoka lisiya kubo.

UNomaqambisa ‘Matita’ Zimisele ominyaka ingamashumi amathandathu anesithandathu uzikhanyele izityholo esithi: “Xa kanti ndinenyoka kutheni izovela ekugugeni kwam, ibikade ihlala phi iminyaka le? Uxhelekike unphefumlo wam kuthi manditsho esofelweyo ndakubona iintsana zintengantenga zidinga kuba naku kuthiwa ndiyathakatha, kodwa uThixo mhle, uzondiphendulela.”

Intombi yakhe ibigixa ivakala ibindekile ngokonakaliselwa umzi wayo nempahla yendlu, ikwatyhola ngelithi ithathelwe isixa mali esiyiR2000.Uthe yena zange wabubona ubugqi bentakatho atyholwa ngabo unina kwaye abananyoka.Olusapho luquka imveku enonyaka echazwe njengenomkhuhlane emva kokulala ematyholweni iintsuku ezine, iingubo neempahla zokunxiba zonakaliswe ziimvula ngethuba lusematyholweni. Lubongoza nabani ongalunceda ngenkxaso yokutya neepahla ukuba enze ngesisa.Uceba welali le uMbuyiselo Dlelanga uthi uvile ngezityholo ezityatyekwa olu sapho ngabahlali, kwaye usebenzisana nomasipala kwiinzame zokunceda, ekwamemele iphulo lokunqanda lo mkhuba.