USerobe uwongwe ngemisebenzi yakhe

Usomashishini ongowasetyhini kweli uGloria Serobe ekunye nomphathiswa wezorhwebo oshishino uGgirha Rob Davies, kunyaka wesine wamawonga ezoshishino iSA Premier Business Awards at eSandton Convention Centre eGoli.

Usomashishini owaziwa kuMzantsi Afrika tshitshilili uGloria Notumato Serobe uwongwe ngembasa yobomi (Lifetime Achiever Award) yokuba ngusomashishini ogqamileyo kulandela umsitho obubanjelwe eSandton Rhawutini kule veki.

La mawonga, nabizwa ngokuba yiSouth African Premier Awards, abanjwa okwesine kulo nyaka kwaye aqhutywa lisebe lorhwebo noshishino. Injongo yawo kukuvuza umsebenzi omhle owenziwa ngamashishini eli loMzantsi Afrika.

Eqhwabela izandla umsebenzi owenziwa nguSerobe, umphathiswa wezorhwebo noshishino uRob Davies uthe: “Umam’ uSerobe ufikelele encochoyini kwezoshishino, wasebenzela yena kwanamakhosikazi eli lizwe.”

“Imizamo yakhe, yeminyaka engaphaya kwamashumi amathathu, ithe yabangela ukuba asungule iWomen’s Investment Portfolio Holdings (WIPHOLD) eyinkampani yezorhwebo elawulwa ngamakhosikazi amnyama,” utshilo uDavies.

USerobe, oyinzalelwane yakuCentane, usebenze ixesha elide kumashishini abucala kwanalawo karhulumente. Waziwa kakhulu ngobutsha-ntliziyo bakhe kwimiba yeenguqu kwezoshishino kwanokukhathaza ulawulo olu lulo kurhulumente.

Kwilali yaseTutura kuCentane, uSerobe uneprojekthi yezolimo apho abahlali benza inzuzo ngombona abawulima emasimini.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za