Zibaliwe iintsuku zikaSteve kwiChiefs

USteve Komphela yindoda eyomeleleyo, enganikezeliyo nokuba kubi kangakanani na – kodwa ingqumbo yabalandeli ingaziphazamisa iinzame zalo mqeqeshi zokubuyisela iKaizer Chiefs phezulu kwiPremier Soccer League.

Amathemba okuguquka kwezinto atshabalele emva kokuba iKaizer Chiefs ihlazwe yiChippa United – ebinemidlalo esibhozo ingasafumani mpumelelo – ngo’3-1 kumdlalo wePSL obuseNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

Ngexesha layo iChiefs kwakunzima ukuyibetha, ngakumbi xa iqale yafaka igowuli – kodwa into eyenzeke eBhayi ishiye abalandeli benomsindo ongumangaliso.

USiphiwe Tshabalala ofake igowuli le Chiefs – kodwa amabini athe afakwa nguLerato Manzini aye awutshintsha umdlalo. Kwangoko abalandeli bajolise umsindo wabo kumqeqeshi.

Into ecacileyo kukungafunwa kwakhe uKomphela ngabalandeli. Bekunjalo naseFNB Stadium ngethuba Amakhosi ebambana emdlalweni neCape Town City ngo’1-1.

Abalandeli beChiefs kudala benyamezele ukuba zizigculelo zezincitho zabalandeli bamanye amaqela. Ngelishwa labo abalandeli beChiefs, umqeqeshi uyibeke yacaca eyokuba akakanikezeli futhi uzimisele ukuqhubela phambili nomzebenzi wakhe wokuqeqesha.

Kwisizini ephelileyo abaphathi beChiefs batsho esidlangalaleni ukuba bayamxhasa uKomphela – lo nto yayimnika amandla futhi wakwazi ukuthenga nabadlali abafunayo.

Bathe cwaka ngoku; lo nto nje iyodwa ithetha ukuthi nabo iyabanxunguphalisa imeko yeqela labo.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ukuba uyaphela lo nyaka izinto zisahleli ngolu hlobo – uKomphela angakhululwa yiChiefs. Amakhosi azilandelelani iisizini zingekho iindebe – alikho ithemba ukuza kuthi ga ngoku apha phantsi kukaKomphela emva kokubethwa kwiMTN nakwiTelkom Knockout kwiinyanga eziphelileyo.

Le ndedeba eyayifudula iqeqesha iBafana Bafana yangena endaweni kaStuart Baxter owakhetha uhamba emva kokuphumelela iindebe zePSL ezimbini, eyeMTN neNedbank.

“Indlela abaziphethe ngayo abalandeli iyasixhalabisa – kodwa sinethemba lokuba izinto zizakubuyela esiqhelweni. Asithethi ngokugxothwa komqeqeshi kwiChiefs,” utshilo uVina Maphosa, osisithethi seChiefs.