Abakwazi ukuthetha ngoxhatshazo emaphandleni

Amadoda ebandla lamaSabatha KwaBhaca uMthetheleli Nqwaba noMnoneleli Ntleki ekunye noceba wabo uNosipho Ngalonkulu ngexa kuphehlelelwa iqumrhu lamadoda elizakulwa uxhatshazo ngokwesini kwaShinta

UDLWENGULO noxhatshazo lwamanina iseyinto elumezayo nebonakala njengehlazo kwiingingqi ezithile eAlfred Nzo.

Kubonakala ngathi amaxhoba isikakhulu asuka kumakhaya angathathintweni aye ajongane nobunzima ekuqondeni indima yomthetho neyoncedo lwamagosa karhulumente ngeemeko zoxhatshazo ngokwesini kuquka nodlwengulo.

Oku kudizwe ziziganeko ezibalwe zazithathu apho amanina amane kuquka nemveku athe angamaxhoba odlwengulo ze iintsapho zaphanza ukuphakamela uncedo.

Kwisiganeko sakutshanje kwilali yaseMnqwane eMaXesibeni kudlwengulwe ze konzakaliswa inkosikazi ebuphazamiseka ngokwasengqondweni. Kube nzima ukuba nodliwano ndlebe nosapho apho luthe aluziva kamnandi ngokuthetha ngehlazo elizakuthi thaca imeko yodadewabo esidlangalaleni. Ilungu losapho lithe abaphathekanga kakuhle kwaye nexhoba alifuni lo mba ubesemilebeni yoluntu. Okufutshane nosapho uNonyameko Mtengwana yena ubindekile ngokwehlele ixhoba, uthe: “Lusizi kwaye iyothusa ukubona isiganeko esiloluhlobo sisabonwa njengehlazo, siyekelelwe njengokuba kaloku maninzi amanina asazokuxhatshazwa zezi zidlwengu sinazo kule lali yethu. Njengomhlobo wexhoba mna ndiyafuna luncedwe usapho olu, nomthetho udlale indima yawo ukuze lizokuxola nexhoba. Uyabona ngoku lishiywe liphakuphaku lingathembi mntu ncam emva kwesi sehlo.”

UMtengwana uthe ngobusuku besiganeko ixhoba lithi kwankqonkqozwa ze kophulwa ifestile yegumbi lokulala phaya kwisithuba sentsimbi yeshumi ze kwambonzeleka ityendyana lomfana londa ngaye lambhukuza limbetha bejijisana de loyisakala ixhoba ladlwengulwa izihlandlo eziliqela, emva koko lamshiya apho.

Ukwathe ngexa ixhoba liye kufuna uncedo kubamelwane lalineenduma lihamba kabuhlungu kwaye limpatshampatsha kubonakala ukuba libethwe lizilwela kwisidlwengu ze kwabizwa aboncedo lokuqala namapolisa.

UMtengwana uqhube wathi: “Ayiqali ke into yodlwengulo ze kujike kuthi cwaka kule lali yethu. Imveku eyayinonyaka nayo yakhe yadlwengulwa kwikhaya layo sagqibela ingathi usapho luyithathele ingqalelo ingxaki leyo kodwa kwathi cwaka. Uphelile unyaka asiva mntu ubanjiweyo okanye uhamba etyaleni.

“Kusenzima ngolona hlobo kule ndawo yethu ukujongana neemeko ezinjena, siyanqwena urhulumente akhe asizisele la maphulo simana ukuva ngawo,” utsho uMtengwana.

NakwaShinta kwaBhaca kwenziwe isimbonono de kwasekwa iqumrhu eliququzelelwa libandla lamaSabatha ukulwa lomkhwa wokufihla uxhatshazo nokunqanda iziganeko zoxhatshazo kula ngingqi. UMthetheleli Nqwaba ongumququzeleli weli qumrhu uthe: “Kudala kubaneziganeko zoxhatshazo kodwa amaxhoba aphanze ukufumana uncedo kwaye lo nto ithi ishiye ibala elibi kumadoda kuba amaxhoba aye angabisathembi namnye umntu oyindoda.” Uthe inkosikazi esele ibuqina kunye nentwazana eselula badlwengulwa apha enyakeni ngabantu abangaziwayo ze akwabanjwa mntu kwangaziwa ukuba amatyala aphelele phi.

Kummandla wakuNtabankulu ivamile into yodlwengulo kwaye amapolisa engingqi ade enza isimbonono kwindawo eziliqela zakhona ebutsheni balo nyaka ukunqanda nokufundisa ngokunokwenziwa ngothe walixhoba nokufundisa amadoda ngokuphatha umntu oyinkosikazi.

Amapolisa athe gqolo ukumemelela kumanina ngocima amatyala ayamene nalo naluphi na uxhatshazo. EDumsi owasetyhini wacima ityala lokubethwa nokugrogriswa ngokubulawa liqabane lakhe. Ukanti intwazana engaphilanga ngokwasengqondweni yathi yakhuleliswa ngunyana wowayesakuba nguceba nto leyo yashiywa uninzi lunxakama wabe unina wexhoba esithi xa usapho lomfana luza kondla usana luncedise ekukhuliseni umntwana akasiboni isizathu sokumangala.

Othethela amapolisa akuNtabankulu naseMaXesibeni uKapteni Mlungisi Matidane uthe: “Asinayo ingxelo yetyala lodlwengulo lwaseMqwane apha.”

UMatidane ukwathe amapolisa athe gqolo ukukhuthaza uluntu ukuba luzixele iziganeko zoxhatshazo khona ukuze umthetho udlale indima yawo.