Babethwe sisikolo somgunyathi abahlali

Umnyango ongena eSall Heavy Duty Training School

Babethwe elingophiyo iduma abahlali beli leMpuma Koloni ngabanikazi besikolo esingekho mthethweni iSall Heavy Duty Training School eseMonti.

La maxhoba atyhola ngelithi ngabantu baseNigeria abanikazi besisikolo, kwaye bona bebefuna uqeqesho koomatshini bokugrumba nokwakha, iiTLB.

“Lisibethile iNigeria! Sibhatala imali ephakathi kwamawaka amathathu namawaka amathathu namakhulu amahlanu (R3500) kuqeqesho leentsuku ezilishumi.”

Oku kuthethwe lixhoba lesi sikolo somgunyathi uAnathi Mkuntayi waseThafalofefe.

UMkuntayi lelinye lamaxhoba angene kwesisikolo ukusukela kunyaka ophelileyo bethenjiswa ngoqeqesho lokufunda umatshini weTLB ukuze bafumane umsebenzi.

“Imali endibhalise ngayo ibiyeyokugqibela ebendiyifumene kwindawo ebendisebenza kuyo, umnikazi wale ndawo kuthiwa liNigeria, thina besisebenza nentombazana ekuthiwa nguLerato,” utsho uMkuntayi. Ngethuba eqalisa ukufuna umsebenzi la madoda axelelwe ukuba iincwadi zawo azikho semthethweni.Elinye lamaxhoba esi sikolo uMonwabisi Chewukile ongumzali wabantwana abahlanu waseDutywa uthi linzulu inxeba abalibethwe yile ndoda yaseNigeria.

“Ndithathe imali yokugqibela kuba bendifuna ukufumana umsebenzi, ndaza ndasuka apha ndaya kubhalisa eMonti, ndifunde ngempumelelo eklasini nakumatshini weTLB, ndithe ndakugqiba ukufunda ndaxelela ngomnye umntu ebefunda apha ukuba amaphepha esiwafumanayo awekho semthethweni,” utshilo uChewukile.

ULuvo Bhalithafa waseNgqushwa uhlawule imali engamawaka amathathu namakhulu amahlanu eerandi efuna ukufunda ukuqhuba umatshini weTLB.

“Ndibuyele kubo mna emva kokuba ndifake amaphepha am ndikhangela umsebenzi, ndaxelelwa ukuba la maphephamvume okuqhuba iTLB awekho semthethweni, ndabanyanzelisa ukuba babuyise imali. “Abazange baphikise bandibuyisela amawaka amabini eerandi,” ucacise watsho uBhalithafa.

Lo kaBhalithafa uvule ityala kumapolisa aseMonti malunga noku, kodwa uthi amapolisa awakhange abone sizathu sokuthatha amanyathelo.

“Amapolisa awazange abone sizathu sokuthatha amanyathelo ngakwesisikolo, ndiye kwinkundla yamabango amancinci andizange ndincedakale nalapho, ndifuna le ishiyekileyo imali yam kwababantu,” uthethe oko uBhalithafa.

Abanikazi bale ndawo abafumanekanga kwinombolo zabo ezimbini zomnxeba ophathwayo kwanalowo wase-ofisini.

Oosomashishini abasebenzela kufutshane nale ofisi abangavumanga namagama abo bathe: “Yagqibela kudala ukuvula le ndawo, asibazi ukuba bayaphi abasavuli apha!”

NgoDisemba ka-2014 isebe lemfundo ephakamileyo kweli livale amaziko aloluhlobo akumashumi amane ngenxa yokuba engekho mthethweni. Amapolisa aseMonti awafumanekanga ukunika elawo icala kule ngxaki. Isebe lemfundo ephakamileyo lakhupha inombolo yasimahla enokusetyenziswa ngabo bangamaxhoba ezi zikolo zomgunyathi engu: 0800 87 2222.