IChartered Accountant yokuqala kwelaseNgcobo

UMondli Gungubele, Zukile Gungubele, uNonesi Gungubele kunye nosodolophu waseNgcobo uLizeka Tyali umfanekiso: Malwande Mantshule

Baphume ngobuninzi babo abahlali belali iChaba, eNgcobo ukuza kuvuyisana nonyana wale lali ngokuphumelela imfundo enomsila yobuChartered Accountant (CA).

UZukile Gungubele ungowokuqala ukuza nesi sidanga sokuba yiCA eNgcobo. Nangona uZukile evela kwikhaya elingathathintweni uthi ukuzimisela kwakhe kunye nenkxaso yosapho kumenze waba ngulo mntu anguye namhlanje kodwa owona mbulelo mkhulu uwugqithise kuMondli Gungubele othe wahlawula iindleko zemfundo yakhe.

Akubona iziphumo zebanga leshumi ezintle zikaZukile, uMondli uye waluthathela kuye uxanduva lokumfundisa. “Indawo yaseChaba iswantsula kakhulu kwezoqoqosho, kuyahlutshekwa kodwa nangona kunjalo yindawo esekelwe ngamagorha akholelwa kwimfundo. Sizalwa ngabantu abangafundanga kodwa abayixabise kakhulu imfundo” kutsho uMondli.

Uhambisa athi “Imfundo ngumkhombandlela, apho kungafundwanga kukho uloyiko, ukungazithembi, indlala kunye neengxabano bathi abantu bencokola ngesiNgesi ucinge bahleba wena kuba ungasazi isiNgesi. Imfundo izisa uzinzo. Siyazidla ngempumelelo kaZukile sikhuthaza nabanye abantwana beendawo zasezilalini ukuba balandele ekhondweni lakhe.”

Umama kaZukile, uNonesi Gungubele uthe “Ukuphumelela kwakhe ibanga leshumi ndaye ndaxakana nobomi ndingazi ukuba ndiza kuthatha ntoni ndidibanise nantoni, ndingumzali ongenaye nomyeni. Ukuba uMondli ebengekho andazi ngenditheni ndibulela kakhulu kuye” – ezele iinyembezi zovuyo.

Kwelakhe icala uZukile uthi “Ndathunywa apha ekhaya ukuba ndize nemfundo, namhlanje ndizise le mfundo enandithuma yona, le yimpumelelo yaMatshatshu ewonke. Ngokwenza nje ndifundisa ulutsha ukuba xa uzimisele entweni uyayifumana. Iba ngathi yintsomi xa ndibalisa ukuba ndandolusa iigusha ndihamba neencwadi ndifunde pha edlelweni, nazi ke iziphumo zokokuzimisela.”

Ukhuthaza abafundi ngelithi maxa wambi ukhe ubetheke endleleni kodwa into ebalulekileyo kukuba uphinde uphakame uzivuthulule ubheke phambili. “Nam ndikhe ndatshona kodwa ndazixelela ukuba zikhona nje ezinye iCA nam ndizoba yiyo akukhathaliseki ukuba kundithathe ixesha elingakanani, namhlanje nam ndibalwa njengeCA evunyiweyo ndingowale lali. Ndibulela kumkhuluwa uMondli ngokundixhasa akholelwe kum, nakubazali bam abandikhulisa ngesikolo” uvale ngelitshoyo.