Imkile imali yenkam-nkam eDebe

UNonzame Gxekwa waseNgcamgeni olixhoba lokulahlekelwa yimali yenkam-nkam ngenxa yomntu othabathe iinkcukacha zakhe esithi kufuneka ahlaziye iinkcukacha zakhe

Zimkile iimali zemnkam-nkam kwiingwevu neengwevukazi zaseNgcamngeni eDebe kufuphi naseQonce emva kokuba kuthathwe iinkcukacha zabo yintombazana ebizenza igosa lakwaSASSA.

Ngabantu abamkela inkam-nkam abangaphezu kweshumi elinesibini abathe banikisa ngeenkcukacha zabo, emva koko yaduka imali. Elinye lamaxhoba amnkelwe yimali yalo uNakele Mboso uyokujika esibhedlele ngenxa yale meko emva kokuba efumanise ukuba imke yonke imali yakhe.

“USinazo Mboso ngumntwana womntakwethu, ufike kum esithi uzokundibona.

“Ndithe ndisancokola naye kwangena umnxeba womntu othi ukwaSASSA esithi kufuneka ndihlaziye iinkcukacha zam; afune inombolo yesazisi, inombolo yekhadi lakwaSASSA nenombolo yam efihlakeleyo yeli khadi,” uthethe watsho uNakele.

Njengabanye uNakele ufike imali ithathwe yonke ebhankini ngomhla wokwamkela.

“Ndifike kukho ooziro bodwa belandelelana!”.

Elinye ixhoba uNonzame Gxekwa uchaza okumehleleyo emva kotyelelo lukaSinazo.

“Ngorhatya kwafika le ntwazana uSinazo isithi kum kufuneka ndiyokuhlaziya iinkcukacha zam kwaSASSA. Uthe imali kaNovemba ndizakuyifumana, kodwa andikhange ndiyifumane inkam-nkam yam,” utshilo uGxekwa. UThandi Mboso ucacise amava wakhe ngokugqejwa kwakhe nguSinazo.

“Ufike waboleka ifowuni yam esithi ufuna ukujonga ixesha, emzuzwini ifowuni ukuye iye yakhala kwathetha umntu othi ukwaSASSA endibuza ukuba sele ndihlaziyile na. Ndimxelele ukuba kufika ileta xa ndizakuhlaziya kwaSASSA. Wathi izinto zitshintshile ndamnika zonke iinkcukacha zam, inombolo yesazisi, inombolo yekhadi lakwaSASSA nenombolo yam efihlakeleyo,” ekhathazekile, utshilo Thandi.

UNophumzile Dambashe yena uthathelwe imali yakhe ngenyanga yeThupha walo nyaka kwangoluhlobo lunye logama eyonyana wakhe okhubazekileyo ithathwe ngenyanga yoMsintsi.

“Wazithatha zonke iinkcukacha zethu izazisi namakhadi onke alahleka emva kokuba sindwendwelwe nguye. Mna ke ndingummelwane phaya kokwabo,” utshilo uDambashe. Imali ethathwe kumntu ngamnye kwaba liwaka leerandi namakhulu amahlanu.

Ngethuba sityelele ikhaya likaSinazo Mboso ngelizama ukufumana impendulo kwezi zityholo siye sagangwa ngezithuko nezoyikiso. “Anizukungena apha, anizukufota, lo mcimbi uphethwe ngabecuphi,” utshilo unina.

Othethe egameni likaSASSA eMpuma Koloni uNeziswa Dwanya uthe: “USASSA akazani nabo abantu abahamba bengena ezindlini bethatha iinkcukacha zabantu, asithathi zinkcukacha emnxebeni. Sityelela abantu emakhayeni abo,” utshilo.

Ingxelo kaSASSA ithi ingxaki enje ikhe yabonwa kumasipala waseChris Hani, Amathole naseNelson Mandela Bay. Uphando luyaqhuba.

Ukanti othethe egameni lamapolisa aseDikeni uKapteni Siyasanga Nontshinga uthe: “Likhona lona ityala elivuliweyo lobuqhophololo, kodwa uphando lamapolisa lisaqhubeka ndingathetha ngolohlobo.”