Ukuphosa kweBucks kuyamkhathaza uDyaloyi

Umqeqeshi woMthatha Bucks uVelile Dyaloyi

Umqeqeshi woMthatha Bucks, uVelile Dyaloyi, uqweba iqhinga lokubhukuqa iMilano United FC kumdlalo obalulekileyo weNational First Division eMthatha Stadium emva kwemini ngoMgqibelo.

Iqela lakhe likhangela impumelelo yalo yesine kule sizini emva kokudlala ntanganye imidlalo eliqela.

Ukungaphumeleli kweBucks kubangele kubekho umsantsa omkhulu phakathi kwayo neThanda Royal Zulu ekwindawo yokuqala ngoku ifuna ukusondela.

Amathol’amnyama aya kulo mdlalo ngaphandle kwabadlali ababalulekileyo abafana no-Asanda Dlamini, Andile Njokweni nonozinti ngenxa yokonzakala.

Nangona ejamelene nezo ngxaki nje uDyaloyi uthi ufuna iqela lakhe lidlale ngokukhulu ukukhuthala. “Amalungiselelo ahamba kakuhle noxa sikhathazwa kukonzakala kwabadlali bethu,” utshilo uDyaloyi kwincoko yakhe neli phephendaba.

UMthatha Bucks uzakudibana neembila zithutha kwiMilano ngoba liqela elidlala kakuhle kakhulu. Ukuba akukho sicwangciso esiluqilima sokuqubisana nayo – amakhwenkwe kaDyaloyi angazibhaqa esengxakini. “Siyabazi ukuba banabadlali abayingozi – kodwa akukho sicwangciso sikhethekileyo sabadlali abathile. Thina kufuneka sibambelele kwindlela yethu esilungiselele ngayo umdlalo qha. Ewe…sinengxaki yokungafaki amagowuli. Iyasixhalabisa lo nto, yinto esizama ukuyilungisa,” utshilo uDyaloyi.

Ukuba Amathol’amanyama angabethwa kulo mdlalo, angonzakala kakhulu. “Kulo mdlalo sifuna amanqaku apheleleyo. Xa siziqeqesha, siziqeqeshela ukuphumelela imidlalo,” uvale ngalo mazwi uDyaloyi.

Imidlalo yeNFD ngoLwesihlanu: Cape Town All Stars v Real kings FC @Parow Park 15:30

NgoMgqibelo: AmaTuks v Santos @Tuks Stadium 15:30; Black Leopards v Thanda Royal Zulu FC @Thohoyandou Stadium 15:30; FC Cape Town v Witbank Spurs @NNK Rugby Stadium 15:30; Stellenbosch FC v Mbombela United @ Coetzenburg Stadium.

NgeCawe: Jomo Cosmos v Magesi FC @Olen Park 15:30; AmaZulu FC v Royal Eagles.