Unqulo nentlonti azizange zihambelane!

Mzi kaNtu ndisuke ndaphathwa kukoyika, uvalo luthande ukuthi gqolo ukubetha ngamandla, amehlo ahlala eenyembezana, ukanti nengqondo iyabhadula, ithatha ibeka umhla nezolo!

Oku kungazinzi kwam kuvuselelwa ngakumbi ngumbono omasikizi oqhubeka ezityalikeni, uqhutywa ngabo bekumele ukukhokela abantu abangamarhamente, bebakhokelelela kubomi bobungcwalisa, ubomi bendlela esingisa eParadesi engunaphakade!

Ingaba indlela engcwele nengcwaliseke ngolo hlobo, indlela yonqulo olugxile kwiziBhalo nobuKrestu, iyahambelana nentlonti egqubayo kwezinye zeetyalike zoMzantsi Afrika?

Kutsha nje, kuwo onke amajelo osasazo, kuquka unomathotholo, umabonakude, amaphephandaba noolindithuba, kugqame isikhalo esinye, esi sabefundisi abantlokothisa amarhamente abo ngokwenza izinto ezibambisa umzimba nezingaqhelekanga kwindlu yokuthandaza!

Sivile ngabefundisi abakhafulisa amakholwa kwiityalike zabo ingca eluhlaza yaka, ufike abantu beyitya ngathi kutyiwa isonka esomileyo okanye izihlunu zenyama yenkomo. Sivile ngabo bazibiza ukuba ngabefundisi bakwaLizwi benika amarhamente abo izinambuzane ezifana nezidungulu, oonomeva, iimbovane kwanezirhubuluzi ezifana neenyoka ukuze bazintlantlathe, bazitye bade baziginye.

Mva nje kwiimagazini zamazwe aseAfrika bekukhalwa ngabefundisi bezinye zeetyalike zaseKenya abagunyazisa amarhamente angoomama namantombi ukuba xa befuna ukubekwa izandla bathandazelwe, kumele baguqe phambi kwabo, ukuze ngeli lixa bebekwa ezo zandla bethandazelwa, baphulule aba befundisi kubuni babo bebabambe kumatyhelufa eebhulukhwe.

Ezakutsha nje zezo zomfundisi othatha isibulala-zinambuzane esibizwa ngokuba yiDoom, asithsuthsuze kanobom kwabo bafuna ukuthandazelwa, ukuthandaziswa nokubekwa izandla ngumfundisi lowo, ukuze babe nokuthamsanqeleka ezimpilweni zabo.

Ndithi ndakuqwalasela ezi zenzo zaba befundisi mawethu, ndifune ukukholelwa ukuba ikho ingxaki, kunjalo nje inkulu kwaba befundisi. Ndide ndamdala ndanenkqayi ndingazange ndakuva ukuhambelana kwelizwi likaThixo nentlonti. Ndithi ndakuyiqwalasela ndiyihlalutye yonke le nto yenziwa ngaba befundisi bezi nkonzo zinamagama angaqhelekanga nangaziwayo kwimbali yesizwe sethu, ndibe novakalelo lokuba kungenzeka njengokuba bexhaphaza abantu ngegama likaThixo nje, bephosisa ke phofu, kuthi kanti benza okuvisa bona kamnandi, benza okungenanto yakwenza nokutyhilelwa kwabo nguThixo, nanjengoko besitsho, koko benza konke oku kuba bengamaxhoba empatho egadalala bona kuqala.

Uphando luyibeka itsole kunjalo nje icace gca into yokuba, umntwana okanye umntu obe lixhoba lokuphathwa gadalala, aye abe maninzi amathuba okuba naye aphathe abanye abantu gadalala ngokwenza intlonti engamkelekanga kubo.

Kwincwadi yophando-nzulu ngokusebenza kwengqondo yomntu, kwanentlalo akuyo, ncwadi leyo ibhalwe nguNjingalwazi uMW De Witt nenesihloko esithi The Young Child in Context: A Pyscho-Social Perspective, ichazwa kakuhle kwiphepha lama-342 kule ncwadi ukuba “umntwana onembali yokuphathwa gadalala, onomnqweno wokufezekisa iimfuno zovakalelo ezingazange zifezekiswe ebuntwaneni, nalowo ebenokuxhatshazwa eselula, naye akuba mdala uye azanelise ngokwenza ngolu hlobo kwakusenziwa ngalo kuye ebuntwaneni, nokuba oko kuthetha ukuba makavise abanye ubuhlungu.”

Oku mawethu kuyathetha apha kum ngaphakathi, kuthi ukuba banokuthathwa bonke aba befundisi bezityalike zinamagama angaziwayo nesinokuzibona njengoovuk`ezicithini, kusenokwenzeka kufumaniseke ukuba bakhule bephathwa gadalala entlalweni, okanye bexhatshazwa ngoontangandini ezikolweni, kungenjalo ke kuthi kanti bangenwe yintlonti egqithisileyo.

Iinkonzo esikhula zisaziwa nezinembali enokuchazwa yalathwe, kuzo akuzange kuvakale ntlonti igqithise njengale yezi zinamagama angenakulandwa ngokwemvelaphi yazo. Ndithetha kaloku ngeetyalike zemveli ezifana neeWesile eyathiwa ngomsunguli wayo uJohn Wesley; iiRute ezathiywa ngonyawontle wangaphambili uMartin Luther; iiRoma ezathiywa ngendawo yemveli eyiRome kwelaseItaly; iTshetshi ethiwa ngemveli yayo eyiChurch of England okanye Anglican Church; iRhabe ethiywe ngomzila owawubonwa kuKumkan’ uRharhabe, nezinye eziliqela mawethu.

Kaloku kulaa ncwadi kaWG Bennie ka-1971 ithi Imibengo, iphepha lelama-138, iyacaciswa into yokuba “icawe yaseRhabe yathiywa phantsi kwesivivane awayenqula ethandaza kuso uKumkani uRharhabe, kwathiwa le ndawo athandaza kuyo uKumkani, yityalike kaRharhabe, kwabe ngolo hlobo kuvela igama laseRhabe.”

Ezi ke ziinkonzo ezingaziwa ngantlonti yokutshizwa kwabantu ngeDoom, ukutyiswa kwabantu izinambuzane nokukhafuliswa kwabo uhlaza olufana nengca.

Mawethu, naluphi na unqulo nenkolo, aluzange luhambelane nentlonti!

Abenzi bentlonti ngegama likaThixo, ngegama lobuKrestu, ingathi balibele ukuba “umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo, izimiselo zikaYehova zithe tye, zivuyisa intliziyo kwaye zibubulungisa kwaphela!”

Kuphi ukugcoba kwentliziyo kule ntlonti? Buphi ubulungisa kule mikhwa mibi yokulahlekiswa kwabantu ngaba befundisi?

Lumkani mawethu! Yintlonti yodwa le!