UZwelonke kwizizathu zokukwaya umsitho kaNkosana Azenathi

INkosana * -Azenathi Dalindyebo UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu uthi unobangela wokukwaya umsitho wokubekwa kukaNkosana Azenathi Zanelizwe Dalindyebo kukuba akafuni kuxabana noKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo.

Umsitho wokubekwa kukaNkosana Zanelizwe uqhutyelwe eBumbane kwiveki ephelileyo. Isithethe sithi xa kubekwa inkosi kumenywa iinkosi; xa kubekwa ikumkani kumenywa ezinye iikumkani. Oku kungenxa yokuba izizwe ziyazalana.

Kodwa kumsitho wokubekwa kukaNkosana Zanelizwe njengebambela-kumkani, akukho nanye kwiikumkani zaseMpuma Koloni ethe yazimasa lo msitho.

Ikomkhulu lamaXhosa eNqadu, elamaRharhabe eMngqesha, elabaThembu baseRhoda, amaMpondo aseMpuma naseNtshona khange abonakale nangetshengele kulo msitho.USigcawu uthi isimemo ebesifumene. “Ingxaki andifuni kuzifaka kuchuku kuba abaThembu abavani. Enye into andifuni kuzibona ndixabana noKumkani Zwelibanzi kuba siyazalana sobabini. Yiyo le nto ndigqibe kwelokuba mandingazibandakanyi nalo msitho waseBumbane,” utshilo uSigcawu.

AbaThembu baqhawukene kathathu malunga nomntu ofanele ukubambela uKumkani Zwelibanzi. Abanye bathi mayibe nguNkosana Zanelizwe, abanye bathi mayibe ngumninawa kaKumkani Zwelibanzi uNkosana Jongisizwe Mthandeni Dalindyebo logama abanye besithi makuhanjwe ngokomyalelo kaKumkani Zwelibanzi – kubekwe uKumkanikazi Nokwanda Dalindyebo ongomnye wamakhosikazi kaZwelibanzi.

Isithethi sobukumkani bamaMpondo aseNtshona uNkosana Mlamli Ndamase uthi isimemo bebesifumene “kodwa ngenxa yokuxakeka asikhange sikwazi ukuba yinxalenye nomsitho.” “Asichasananga nento yokubekwa kukaNkosana [Zanelizwe] siyayixhasa singamaMpondo, kodwa imini yokubekwa kwakhe ifike sele sinezinye iingxaki,” kutsho uNdamase.

UNkosi Ngangomhlaba Matanzima ongusihlalo weNdlu yeenkosi eMpuma Koloni naye uthi ebesifumene isimemo. “Ndiye ndaxakeka kakhulu ngala mhla, yiyo le nto ndingakhange ndiphumelele,” utshilo uMatanzima. UNkosi Mandla Zwelivelile Mandela, enye yeenkokeli zemveli ebalulekileyo kwindlu yabaThembu, akakhange afumaneke ukuphefumla.

Kusenjalo, iinkosi zabaThembu ebezizimase umsitho wokubekwa kukaNkosana Zanelizwe zithe zasungula ngokusesikweni iphulo lokugay’ inkxaso yokuba makakhululwe ejele uKumkani Zwelibanzi.

UNkosana Zanelizwe uthe wombathiswa isikhumba sehlosi into ethetha ukuba ubambele uyise. Iikumkani zombathiswa isikhumba sengonyama.