Umdlalo weTelkom uya ePeter Mokaba Stadium

Umdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout ophakathi kweSuperSport United neCape Town City uzakusingathwa yiPeter Mokaba Stadium ngomhla weshumi kwiveki ezayo kulo nyaka.

Lo mdlalo uzakuqala ngqo ngentsimbi yesithandathu emalanga (18:00). Akothusi ukuchongwa kwePolokwane njengendawo efanelekileyo yokusingatha lo mdlalo ngoba yenye yeendawo ezibaluleyo ngokuxhasa ibhola ekhatywayo.

Phambi komdlalo, abalandeli bebhola, bazakuthi bonwatyiswe ngomculo weemvumi ezizakuthi zaziswe kwiintsuku ezimbalwa ezizayo.

“Eli lithuba elihle labantu basePolokwane lokuzonwabisa njengoko kusondela ixesha leziyunguma zokuphela konyaka. Ngeli xesha lonyaka, abantu bayakuthanda ukuzonwabisa, uluhlu lweemvumi luhambelana la nto kanye. Silungiselele abantu abathanda ibhola ekhatywayo nabo bazithandela ulonwabo. Ukhuphiswano lweTelkom lusiphakele ibhola entle kakhulu kulo nyaka, yiyo lo nto sithe masiyivale ngesitayile nathi,” utshilo uMato Madlala, ingqonyela yePSL ebambeleyo.

Emva kwemidlalo ebinzima kakhulu kulo nyaka, iTelkom Cup izakuya kwiSuperSport United okanye kwiqela elitsha laseKapa elibizwa ngokuba yiCape Town City.