UMadonsela uthi akazuvala mlomo

Umfanekiso oselugcinweni ka-Advocate Thuli Madonsela

Obesakuba nguMkhuseli woLuntu uThuli Madonsela
uthi usezakuthi gqolo enika ingcaciso ngengxelo yokundlandlathekiswa kombuso. 

OkaMadonsela ukuthethe oku emva kokuba uMongameli weli uJacob Zuma ethe lo kaMadonsela
akusafanelekanga ukuba enze zwi ngengxelo engokuxhwilwa kolawulo kuba liphelile ixesha lakhe njengoMkhuseli
woLuntu. 

Eziphendulela, uMadonsela uthe ukuba amajelo eendaba asafuna ingcaciso kuye
ngokuthile malunga nale ngxelo uzakuqhubeka nokuwanika iimpendulo. 

Uthe uZuma
akanalungelo lokumxelela ukuba ngangakwenza. “Into ebendiyenza kukunika
ingcaciso apho ndibekwa izityholo. Ndisamenywa ukuba ndenze iintetho kuluntu
kwaye xa kufikelele kwixesha lemibuzo oonondaba bandibuza ngengxelo
yokundlandlathekiswa kombuso,” utshilo uMadonsela. 

Uqhube wathi, “Ndiyacinga
ukuba akuyonto ifanelekileyo ukuba uMongameli akhuphe ingxelo ethi
andinokucacisa ngezinto ezayamene nam. Akakwazi ukundixelela ukuba iphelela phi
indima yam, ize iphelele phi eye-ofisi yoMkhuseli woLuntu.”

Oku kutshintshiselana ngamazwi arhabaxa
phakathi kwesi sibini kuza kwangethuba apho abaxhasa uZuma kwiANC besithi
makayicele umngeni kwiinkundla zomthetho le ngxelo. Nesigqeba sekomiti iNWC
kwiANC ikhuthaze abo bakhankanyiweyo kule ngxelo ukuba mayise ezinkundleni.