Usezakugcinwa emkhenkceni emva konyaka umzimba wenkosi

UAdvocate Mwelo Nonkonyana omele uNoncedile Mkono, kwityala lombangiswano ngomzimba wenkosi uVelile Mkono, osegcinwe unyaka emkhenkceni. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni
Kulindeleke ukuba uchithe elinye ixesha emkhenkceni umzimba wenkosi yaseMchonkco eNgqeleni engasekhoyo, uNkosi Velile Bagcine Mkono, osele unonyaka ugciniwe. 

Nangona inkundla ephakamileyo yaseMthatha isikhabile isicelo sokubhena kwintsinda-badala yetyala lomzimba wale nkosi kwingxwabangxwaba phakathi kwamalungu osapho abangisana ngengcwaba layo, igqwetha elimele elinye icala losapho lithe lizakubhenela kumpathi weejaji kweli leMpuma Koloni.

Ngokwengxelo uNkosi Bagcine washiya umyolelo othi makagcwatyelwe kwindlu encinci, yomfazi wakhe wesibini uNonzwakazi Mkono. Kodwa usapho lomfazi omkhulu uNoncedile Mkhono lithi, ngokwesithethe samaXhosa inkosi ibekwa kwindlu yomfazi omkhulu. 

Kwakweli tyala kuvele noluvo lokuba uNkosi Bagcine wayewuqhawule umtshato noNoncedile, noxa igqwetha lakhe uAdvocate Mwelo Nonkonyane lithi zange kwenziwe ngokufanelekileyo oku.

Kwinyanga yeDwarha, le nkundla ibiwise isigwebo esixhasa ibango lomfazi omncinci uNonzwakazi, ngelithi makungcwatywe ngokomyolelo wenkosi. Kodwa umfazi omkhulu, uNoncedile nosapho lwakhe bafaka isicelo sokubhena. 

NgoLwesithathu umhla wethoba kule yeNkanga inkundla ephakamileyo eMthatha ibiphulaphule isicelo sokubhena ebesifakwe ligqwetha lomfazi omkhulu uAdvocate Nonkonyane. 

UNonkonyana ubekhala ngelithi uNoncedile zange amanyelwe yile nkundla phambi kwesigwebo. Ukwathe inkundla yacotha ekuqhawuleni umtshato wesi sibini ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeKhala. Ukwathe, uNoncedile akazange awafumane amaxwebhu oqhawulo mtshato. 

UNonkonyana uthe, inkundla kufanele iwuchithe umyolelo wenkosi onika igunya lokungcwatyelwa kwindlu encinci.

Le nkundla imgxekile uNonkonyana ngelithi akasifundanga isigwebo senyanga ephelileyo, phambi kokuqulunqa amaxwebhu esibheno.

Enye yeejaji ebeziphulaphule isicelo sesibheno uNozuko Mjali uxelele uNonkanyane ukuba uninzi lwezinto aziphakamisileyo kumaxwebhu esibheno ziyavela kwisigwebo senyanga ephelileyo. 
Efunda isigwebo esikhaba esi sibheno, uJaji Mjali uthe “Ngokwamaphepha enkundla, umfazi omkhulu uNoncedile akakwazanga kubonisa ukuqina kwetyala lakhe. 
Le nkundla ayibonanga nto intsha engabonwa yenye inkundla xa lingadluliswa elityala. Isicelo sokubhena siyachithwa yinkundla, sihamba nendleko zetyala.”

USaziso Mkono ongunyana womfazi omncinane uNonzwakazi  uthi bayavuya sisigwebo senkundla, kwaye yinto ebeyilindele.
Noxa kunjalo uNonkonyane akakapheli mandla, njengoko esithi uzakubhenela kumphathi weejaji kweli phondo ingaphelanga iveki ezayo.

“Sele sivumelene nosapho lakwaMkono nelali ukuba sizokwenza isicelo esikhawulezileyo sicele ukunikwa igunya lokubhena. 

Ezijaji zingene enkundleni zizixelele ukuba zisosikhaba isicelo sesibhene sethu. Sizokongeza inani lamagqwetha ukuqinisa elityala nokulwa elishwangusha,” utshilo uNonkonyane.