Qoboshiyane uthembisa ngokuxhasa ishishini lamantshontsho enkuku

Ukusuka ekhohlo, ukuya ekunene; Umthengisi weenkukhu eMdantsane Highway uPhyllis Majavu, othenga eGood Deeds Cooperative nelungu leGood Deeds Cooperatiove uNozuko Mondleki, uMlibo Qoboshiyane, onguphathiswa wophuhliso loluntu kwanohlengahlengiso lomhlaba eMpuma Koloni, noNolubabalo Gwarube, okwalilungu le Good Deeds Cooperatiove, bephethe iinkukhu zemveliso yelishishini.

UMPHATHISWA wophuhliso loluntu kwanohlengahlengiso lomhlaba eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthe watyelela oosomashishini abakhulisa amantshontsho eenkuku eMdantsane.

 

Eli shishini (Good Deeds Cooperative) liphethwe nguNolubabalo Gwarube, Nozuko Mondleki, Pamela Fonda, Zimbini Zuma noAndiswa Koyana. La magqiyazana akhulisa la mantshontsho emva koko athengise kwiindawo ezifana naseHighway eMdantsane.

 

La makhosikazi aliqale eli shishini ngo2015 benamantshontsho angamakhulu amabini kodwa ngoku bathengisa amantshontsho akwiwaka elinesiqingatha (1 500).

 

UGwarube uthi oluhlobo loshishino baluqala kuba beluthanda. “[Sikuthanda njalo] siyakufuna ukuqeqeshwa ukuze sikwazi ukukhula nokuphuhla sibelishishini elimileyo elikwaziyo ukuvelisa imveliso enokwazi ukuthumela nakumanye amazwe,” utshilo uGwarube.

 

UQoboshiyane uthi umdla wesebe kukubona likhula eli shishini kwaye bazakulincedisa. “Siza kubancedisa ngoqeqesho futhi siphinde sibancedise nangeendleko zokuthenga ukutya kokukhulisa la mantshontsho,” utshilo uQoboshiyane.