KUBANJWE amadoda amathathu kulawo mahlanu atyholwa ngokuqhekeza iKliniki yaseZazulwana, kwaze kwabhaqwa neeKhompuyutha ezintandathu ngamapolisa aseMsobomvu eGcuwa ngoLwesithathu.
La madoda abanjwe kwilali yaseMnkcunkcuzo eZagwityi, eGcuwa. Le Klinikhi yathi yaqhekezwa ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka, nalapho kwathatyathwa iikhompuyutha ezintandathu.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, aba barhanelwa babanjiweyo, baphakathi kwamashumi amabini eminyaka ukuya kumashumi amabini anesithoba.
Kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla zamatyala eGcuwa ngoLwesihlanu wale veki.
“Iikhompuyutha ezo zazibiwe zibhaqwe zontandathu kumakhaya abarhanelwa. Ababini abakabanjwa. Ukanti bazakuvela phambi kwenkundla zamatyala eGcuwa ngetyala lokuqhekeza,” utshilo uManatha.
Aba barhanelwa baqhekeza le Klinikhi emva kwentsimbi yeshumi ebusuku ngethuba kwakugade unogada wasetyhini. Lo wasetyhini zange abenaso isibindi sokubanqanda njengoko wayeyedwa kwaye esoyikisela ubom bakhe.
Ivela kwiveki ezayo indoda ebanjwe eLusikisiki