Imali, imali, imali…

Akusapheli veki singakhange sive ngabantu ukuba kukho umntu otye imali yabanye abantu. La mabali ababuhlungu mpela xa uye ufumanise ukuba iinkonde neenkondekazi zikhuphe iinkozo zazo zokugqibela ebezizigcinele umhlalaphantsi zaze zazinika mntu uthile othe imali yazo iyakubuya inamathole.

Enyanisweni akukho ndlela ilula yokwenza imali. Ngelishwa le nto ayinalusini, kubethwa noosomashishini ekudala bekhona kubethwe nabantu abatsha abasaqala ukuphangela – bonke batsalwa livumba lokwenza imali eyongezekileyo.

Yintoni na imali eyongezekileyo? Lo ngumbuzo othe qethe ngexesha bekuthetha inkulumbuso yaseNtshona Koloni uHelen Zille ngencwadi yakhe entsha, nalapho ebebalisa ngokukhula esokola esebenza kooCheckers xeshikweniengumfundi.

Kukho nendawana apho athe yena imali akayiboneli ntweni kwaye akazisondezi nokuzisondeza kuyo ngoba uyazazi ukuba uyitya kakubi athenge nezinto ezingacacanga ngayo. Konke oku kunyanzelise ukuba zonke izigqibo zomzi wakhe ezidibene nemali zenziwe ngumyeni wakhe.

Siqinisekile ukuba baninzi nabanye abantu abanokuthi xa bebuzwa ngemali bathi “iphela msinya!” Kwaye uyakufumanisa ukuba abona bantu bakwaziyo ukuyilondoloza ngcono ngabo basebenza ngayo okanye bafundele ezoqoqosho, kwaye bayazi kakuhle ukuba ikhuliswa njani imali.

Umzekelo kukho esisibhengezo sezabelo zakwaMTN – ezi zingu MTN Zakhele Futhi – nalapho kulungiselelwa abantu abantsundu ukuba bakwazi ukuthenga izabelo zakwaMTN ngexabiso elifikelelekayo. Singacebisa ukuba umntu ayokukroba pha kula ndoda inguGugula (Google) kumnatha wonxibelelwano akhe azifundele.

Siphila kwixesha lenkululeko kwaye kunyanzelekile ukuba nathi sithathe inxaxheba ekukhuliseni ubutyebi bethu.

Kubanzima mpela ukuthi ukhululekile ngeloxesha awunayo nesenti kwigama lakho okanye iphela kwangoko imali yakho. Nathi siliphephandaba sakuzama ukukhulisa icandelo lethu lezoqoqosho, sibhale banzi ngazo, sicebise apha na phaya.