Bayalelwe ukuba bahlonele imithetho yezendlela abeeloli zohlangulo

ABAQHUBI beeloli zokuhlangula iimoto ezigaxeleke ezingozini eNelson Mandela Bay bayalelwe ukuba mabathobele imithetho yezendlela kuba abangawo amagoza oncedo olungxamisekileyo.

Lo myalelo uvele kwindibano ebibanjelwe kwesi sixeko ngoLwesihlanu, nebizinyaswe ngamagosa ezendlela akumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, abenkonzo zikaxakeka kwanamalungu eSouth African Towing and Recovery Association (SATRA).

Le ndibano iza emva kothotho lwezikhalazo zabahlali malunga nendlela abaziphatha ngayo abaqhubi beeloli (tow-truck) zokuhlangula iimoto ezisezingozini. Kutshanje kuthe kwangqubana okweenkunzi zegusha iloli yokuhlangula iimoto ezisezingozini kwakunye ne-ambulensi yabucala kwindlela iBuffelsfontein kulo masipala.

Usihlalo wekomiti yeenkonzo zikaxakeka eNelson Mandela Bay uThomas Cameron uthe: “Abaqhubi beeloli zokuhlangula iimoto ezigaxeleke kwiingozi, abekho phantsi kwenqanaba leenkonzo zikaxakeka ngoko ke kufuneka bahlonele imithetho yezendlela, kungenjalo bazakubanjwa.”

Ilungu lekomiti kaSodolophu waseNelson Mandela Bay uJohn Best ucele abaqhubi balo masipala ukuba bohlukane nokuqala bafownele iiloli (tow-truck) zokuhlangula iimoto xa bengene ezingozini.

“Umntu xa engine engozini kufuneka ufownele i-ambulensi ku-10177, amapolisa ku-10111 okanye iinkonzo zongxamiseko zomasipala wethu ku-041 585 1555,” kutsho uBest.