Wolule isandla kubafundi baseNMMU umasipala weNMB

Usodolophu womasipala iNelson Mandela Bay uAthol Trollip ebonisa ngexwebhu lwezivumelwano, alityikitye nomongameli weSRC eNelson Mandela Bay Yunivesithi uNicholas Nyati. Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

UMONGAMELI wekomiti
yabafundi beyunivesithi
iNelson Mandela Metropolitan
Yunivesithi (NMMU) uNicholas Nyati uthi uqhanqalazo lwabafundi bamaziko aphakamileyo
lungenelelwe ngoozungulichele
  noogxobhiyeza
abenezinye iinjongo kunezo zabafundi. 

Lo kaNyati
ukuthethe
 oku ngethuba ebebambe intlanganiso noondaba nebikhokelwa nguSodolophu
waseNelson
Mandela
Bay
uAthol Trollip. Ezinkokeli bezizokubhengeza
izivumelwano ezifikelele kuzo emva kwentlanganiso yongenelelo luka sodolophu kwingxubekaxaka yezemfundo kwiiyunivesithi zeli. 

UNyathi uthe kwezi ntsuku dluleyo kubekho abantu ababonakele ngathi baxhasa imigushuzo yabafundi
nabathe basakuthabatha iqonga bavakalisa iimbono zabo zezopolitiko. Abanye
bebhengeza iimbono ezikude lee  kuleyo
kubanjenwe ngayo phakathi kwabafundi nesebe lemfundo ephakamileyo.

Uthe bona bengabafundi
bale yunivesithi abayingene kwaphela  eyokuchitha
nokubhidliza iziko lemfundo nezakhiwo zoluntu. “Siliziko elithiywe ngegama
lomntu obaluleke kakhulu uNelson Mandela, owachitha ubomi bakhe emanya zonke
iintlanga, abahluphekileyo, nabangaswele nto.” Umchaze uMandela njengomntu
owayegushuzela uxolo, umanyano ebethelela ukwakhana.

“Silulutsha sinamandla
okuzenza sibe ngonantsi ebomini kodwa oko kuyakuxhomekeka kwindlela oziphatha
ngayo,” utshilo uNyati.

UNyati uthe abanye
abafundi bafuna ukubuyela ezifundweni ngakumbi abo banamagumbi ngaphakathi.
Ukwathe ukuba abafundi baqhubeleka noqhankqalazo bazakujongana neengxaki
ezininzi ezifana nokutya, indawo zokuhlala, kwaye kukho nabafundi abaphuma
kumazwe angaphandle abazakuphelelwa ziimpepha (Visas) zokuhlala kweli ngexesha
lezifundo.

UNyati uthe, abafundi abahlala
ezilokishini abaqeshe edolophini nabaphuma kwamanye amazwe bazakujongana
neengxaki xa bechitha ixesha elininzi kuqhankqalazo, endaweni yokuqhubeka
nodabi bekumagumbi okufunda.

Efunda ixwebhu
lezivumelwano uSodolophu Trollip uthe umasipala wakhe ubone kufanelekile ukuba
angenelele kwiingxaki zabafundi kuba besithi baxhalabile zimeko ezizayo esithi
ulutsha likamva lesizwe. Uthe kuluvuyo kuba abafundi beNMMU khange bonakalise zakhiwo
zeli ziko, wancoma isikhokelo sabafundi kule yunivesithi.

“Mayiqhubeke imfundo
kuyiwe kwiimviwo thina singumasipala sizakwenza unako nako sincede abafundi
kwizidingo zabo,” utshilo uTrollip.

Esi sibini sikwatyikitye ixwebhu lezivumelwano esiqulathe isandla salo masipala ekuncediseni
abafundi ngexesha lokufunda elongezelelweyo. Umasipala iNMBM ukwathembise
ngelokuba amaziko kamasipala afana namahlolo azakufumaneka mahala kubafundi,
kwaye uzakutyumba nekomiti ezakuncedisana nabafundi ngeengxaki ezifana nendawo
zokuhlala, unceddise nabafundi bangaphandle kwiingxoxo nesebe lezekhaya,
ngexesha elongezelelweyo.

Lo masipala ukwathe uzakuqinisa ezokhuselo kwisixeko saseBhayi, ngakumbi kwiindawo ezihlala abafundi, ufake isandla
nakwiindleko zabo zothutho.