Awongwe ngeembasa amaqumrhu karhulumente

UFezeka Mkile usekela sihlalo webhodi ye-ECRDA esamkela imbasa kumphichothi-zincwadi uKimi Makwetu umfanekiso: Siyanda Zakhe

Awongwe ngeembasa enconywa ngomsebenzi omhle wazo amaqumrhu aphantsi korhulumente weMpuma Koloni yi-ofisi yomphicothi-zincwadi jikelele uKimi Makwetu.

UMakwetu wenze oku ngethuba etyelele iPalamente yeli phondo eBhisho nalapho athe wanabisa indlela aqhube ngayo amasebe karhulumente weMpuma Koloni ekusebenziseni imali karhulumente.

Amaqumrhu karhulumente aquka iEastern Cape Rural Development Agency, Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council, Eastern Cape Socio Economic Consultative Council, East London IDZ, Eastern Cape Parks and Tourism Agency neEastern Cape Gambling and Betting Board afumene iimbasa ezincoma indlela ezi Arhente ezithe zasebenzisa ngayo imali yabarhafi.

Ethetha namalungu ePalamente yeMpuma Koloni uMakwetu uthe eli phondo lelokuqala ukufumana ingxelo yalo yomphengululi zincwadi.

“Siyakhuthazeka kakhulu ngumkhondo othathwa ngamasebe karhulumente kunye nee-Arente eziphantsi kukarhulumente, kuba likhulile inani lamasebe afumene ingxelo encomekayo noko,” uthethe watsho uMakwetu.

Amasebe afumene imbasa ngenxa yengxelo zawo ezicocekileyo (clean audit) mabini kuphela lisebe elijongene nengxowa-mali yephondo kunye nesebe lokhuselo loluntu.

“Ukuphucuka kolawulo kwiindlela ezisebenza ngayo iimali zikarhulumente, isikhokelo esicacileyo kubaphathi bala masebe zezinye zezinto ezibangele ukuba ezi Arente kuquka namasebe zifumane ingxelo ezicocekileyo zezimali,” utsho uMakwetu.

Uthi ukungenelela kwabaphathi ngexesha elifanelekileyo kubangele ukuba imali karhulumente yenze umsebenzi obekumele ukuba iwenzile kungekho mali ilahlekayo.

Lo kaMakwetu uncome inkokheli zamasebe ahlukileyo karhulumente ngomsebenzi wazo wokugcina iincwadi zezimali zihamba ngendlela esemthethweni.

Ongumphathi weEast London IDZ uSimphiwe Khondlo udlisela ngendlela abasebenze ngayo ukuze bakwazi ukufumana ingxelo engenachaphaza.

“Ukucoselela xa sisebenza sigxile kumgaqo esiwunikwa ngumthetho olawula indlela emayisetyenziswe ngayo imali karhulumente (PFMA) yeyona nto yenze ukuba sifumane ingxelo ecocekileyo,” utsho uKhondlo.

Uthi ngaphambili iEast London IDZ ibisoloko ifumana ingxelo engagqibelelanga ngenxa yokungafumaneki kwempendulo kwindlela esetyenziswe ngayo imali.

Ukanti usihlalo wekomiti ejongene nophengululo zincwadi kwiEastern Cape Rural Development Agency uSabatha Mbalekwa uthi benze amalinge amaninzi ukuze bakwazi ukufumana le ngxelo.

“Ukuqeshwa kwabasebenzi abafanelekileyo kwiindawo ezifanelekileyo, injongo ezicacileyo kumsebenzi wonke, kufuneka ujongwe rhoqo ngenyanga nangekota iindlela ezisebenza ngayo iimali zikarhulumente ukuze sinqande umonakalo onokwenzeka,” uthethe watsho uMbalekwa.