Kubethana izimvo ngokuqhawulwa kombane esibhedlele

Dan themba

ZIYABETHABETHANA izimvo zabahlali bakwaWadi 5 eSidakeni kuNtabankulu ngoqhawulo-mbane olushiye isibhedlele Isiphethu ebugxwayibeni kususela kwiveki ephelileyo.

Esi senzo sibangele ukuba isebe lezempilo eMpuma Koloni licwangcise indlela yokuthutha izigulane ebezilaliswe eIsiphethu ziye kwisibhedlele esikufuphi iMadzikane kaZulu Memorial.

Ukanti abo bagula besemakhaya kunyanzeleke ukuba batyelele amanye amaziko ezempilo, ngelixa abangxamisekileyo bahambe umgama ongama-60 eekhilomitha ukuya kufumana uncedo eMadzikane KaZulu.

Abahlali abachaphazelekileyo bahlomle kweliphephandaba ngale nyewe.

ULusanda Siyoyo (22) wakwaNgqina uthe: “Ewe imbi into yokuvalwa kwesi sibhedlele kodwa urhulumente akabahoyi abahlali de babe bayonakalisa. Sinethemba lokuba iyabonwa ingqumbo yoluntu kengoku xa imeko ide yanjena. Malukhawuleziswe olufakelo-mbane kuzophela uchuku.”

UNondumiso Tyeke (35) waseSidakeni uthe: “Kubi kuthi njengoba isimo side sakhokeleka ekuvalweni kwelona ziko lezempilo likufutshane. Akuyiyo le nto besiyifuna kwaye ngoku le into yahlula ilali yethu kabini kuba singabanye asivumelani tu noqhawulo lwepali zombane oya esibhedlele, omama bethu bayagula baneeswekile, sixakiwe ukuba sizokubasa phi kuba asinayo naloo mali yokuya kude. Mabangenelele abasemagunyeni.”

Athandile Tyeke (24) uthe: “Ibuhlungu into yokuvalwa kwesi sibhedlele, sezininzi ezintsuku noko. Ndiyanqwena ukuba kwehle umsindo ebantwini siyiqhube ngesidima le toyitoyi ingabeki ubomi babantu esichengeni. Umbane wona siyawufuna asijiki kodwa noko zikhona ezinye iindlela esingenza ngazo kungasikwanga pali zombane.”

UDan Themba (32) wakwa Ngqina uthe: “Urhulumente wethu nguye obangela abantu babeneengcwangu, akasabeli ngelixesha kusathethwa kakuhle. Jonga ngoku nathi asibazi abantu abasarhe ezapali kodwa asigxeki kangako ngoba ingxaki yethu izovakala ngcono xa bebona ukuba asidlali, siyawufuna lo mbane futhi sizode siwufumane. Eyesibhedlele into yingxaki yomntu wonke isisombululo saso sizakuvela, asinode sivalwe kwaphela.”