Liphinde lamiswa ityala lika Panayitou

Amisiwe amalungiselelo ozengezenge wetyala lika
somashishini waseBhayi uChristopher Panayitou, kwakunye natyholwa nabo
uSinethemba Nenembe, noSizwezakhe Vumazonke. UPanayitou utyholwa ngokupheka
iyelekenqe lokubulala umkakhe uJade Panayitou kwinyanga kaTshazimpuzi nyakenye,
esebenzisana uNenembe, uVumazonke kwakunye noZolani Sibeko, abarhanelwa nabo kweli
tyala. Igqwetha likaVumazonke lithe akekho kwimeko yokumelana netyala.

UJade wayengutishalakazi eTinarha ngethuba
lesi siganeko. Waxhwila ngababulali esalinde isithuthi awayehamba ngaso ukuya
esikolweni, emva koko wafunyanwa sele ebhubhile. Abamangalelwa bazakubuyela
enkundleni yamatyala kuMvulo weveki ezayo.