Yamkele umdlali omtsha iSundowns

Yannick Zakri

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, zifumene omnye rhasatsha womdlali osuka emantla welizwekazi le-Afrika namhlanje.

UYannick Zakri ubhengezwe liqela ebefudula elidlalela i-Asec Mimosa ukuba ungumdlali weDowns ngokupheleleyo ukusukela namhlanje.

Lo mdlali, onamashumi amabini anesihlanu eminyaka, ebesoloko esayanyaniswa neSundowns – kodwa kunekho nto icacileyo.

Imbalelwano ekutshwe yiMimosa kwikhasi layo lonxibelelwa uFacebook ithe: “Kulandela ukuhamba kukaSiaka Tiene, Soumahor Bangaly – ngoku uZakri Krahire uzibandakanye neMamelodi Sundowns edlala kwiCaf Champions League.

Omabini la maqela asebenzisanayo avumelene kwakhona ngalo mdlalo. Simnqwenelela okuhle kodwa uZakri.”

Ukufika kwalo mdlali kuzakuthi kulincedise kakhulu iqela likaPitso Mosimane kwiinzame zalo zokukhusela indebe yePSL kule sizini intsha nakwimidlalo yeCaf Champions League kunyaka ozayo.