Asibuyi ngamva, batsho abafundi

Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu kwikhampasi eseBika eGcuwa, bathi ababuyi ngamva kwiziphakamiso zabo zokuba bafuna athotywe amaxabiso kwivenkile esesikolweni, kugxothwe inkampani eqashiweyo ukuba igade kwaye kucocwe nelindle elinkcenkceza kumagumbi wokulala.

Oku bakuthethe emva kokuba inkundla kamantyi eGcuwa ikhulule abafundi abalishumi, abatyholwa ngokonakalisa kunye nokuqhekeza kuqhankqalazo lweFeesMustFall.

Inkundla ibatyityimbisele umnwe abafundi ze ityala labo yalimisela umhla we30 yenyanga ezayo.

Abafundi abasibhozo kubo batyholwa ngokugibisela imoto kuhola wendlela uN2 osuka eMthatha ukuya eMonti logama ababini berhanelwa ngokuqhekeza ivenkile engaphakathi esikolweni ngexesha loqhankqalazo.

UNobhala weSRC eWSU,uSiphelo Mkhuzangwe uthi ababuyi ngamva kwiziphakamiso zabo kwaye bafuna igxothwe inkampani yakwaFedility egada esikolweni kuba yoyisiwe ngumsebenzi wayo.

“Kudlwengulwe abafundi abahlanu kulo nyaka kwaye siphakwa inkunzi, kodwa sinabantu abaqashiweyo ukuba bagade thina,” uqhube watsho.

Ukwathe abasebenzi benkampani yakwaFedelity bayalala emsebenzi kwaye kudala bekhalaza kwabo basemagunyeni kodwa akukho manyathelo athatyathwayo.

Iingcango kweli ziko lemfundo ephakamileyo uthi zimeko emaxogo, zophukile, kukho ilindle elinkcenkceza kumagumbi okulala, kwelinye icala ivenkile ethengisela abafundi kule yunivesithi inamaxabiso aphezulu nangona ingarhafi kwindawo yokuthengisela, ingawahlawuli amanzi nezinye izinto.

UMkhuzangwe uthi kudala kwathiwa imali ifakiwe ukuba kulungiswe lemiceli mngeni kodwa kunanamhlanje ayikalungiswa.

Isithethi sale yunivesthi uYonela Tukwayo uthi imali eyabelwa ukulungisa izakhiwo kweli ziko incinci, nto leyo yenza kubenzima ukulungisa izinto ngokhawuleza. Utyhole abafundi ngokonakalisa amacango xa bebambe uqhankqalazo.

“Banyisile abafundi xa besithi amacango ophukile kuba ophulwa kwangabo rhonqo xa bebambe uqhankqalazo, kwaye nathi kengoku sinengxaki yasebelo semali encinci yokulungisa izinto ezimoshakeleyo kwizakhiwo,” utshilo uTukwayo

Uthi kudala becela abafundi ukuba bohlukane nento yokonakalisa izinto zeyunivesithi xa bekuqhankqalazo.

“Akukho mali yokufunda enyusiweyo okwangoku kwaye lonto ichaza ukuba akukho sidingo sokuba kubekho abafundi abaqhankqalazayo,” uqhube watsho

Abaphathi beWSU bathi bazakuzama ngako konke okusemandleni ukuhlangabezana nabafundi nanjengoko befudula besenza njalo.