Izityholo zokungenelela kwamaxhwele kwezobuceba

UMBA wokungaboni ngasonye ngezikhundla zobuceba uthathe olunye unyawo eBuffalo City emva kokuba iqela lamalungu eANC angaxolanga lityhole uceba wakwaWadi 17 uPhumla Yenana ngokusebenzisa amaxhwele ukuthintela nabani na ofuna ukuma phambi kwakhe.

Iingxelo zithi yiminyaka isibhozo edontsa iintambo njengoceba wakwaWadi 17 uYenana. Lo mama ungumgqatswa weANC nakwesi isihlandlo.

Ukuba iANC iphumelele kule ndawo – iquka iindawo saseMdantsane ezifana noN.U.4, N.U.6 noN.U.9 – oko kuthetha ukuba lo mama uyakuba selawulweni iminyaka elishumi elinesithathu.

Umgqatswa obezama ukuma endaweni kaYenana, uThembi Maseti, uvelelwe yingulo esisaquphe kwanyanzeleka ukuba arhoxe kugqatso.

Imithombo ethembekileyo ithi uthe lo kaMaseti xa esiya kwixhwele elithile waxelelwa ukuba kukho mntu othile obefike kuqala kunaye eenjongo ikukudodobalalisa lo kaMaseti.

Simbuza malunga nezizathu zokurhoxa kwakhe, uMaseti ukubethe ngoyaba oku. Uthe akanqweneli kuthetha noonondaba ngezizathu zokuyeka kwakhe.

“Ndirhoxe ngezizathu endinganqweneli ukuba ndizithethe phandle,” kutsho uMaseti.

Ngethuba lo kaYenana simbuza ngala mabango, uthe akazani nayo lo nto. “Andiyazi lo nto uyithethayo mna. Eyokuba kutheni ndifuna ukuba nguceba kwakhona iyakuphendulwa yingingqi kumbutho weANC hayi mna, kuba andizonyuli,” kutsho uYenana.

Ukukubambelela esikhundleni kukaYenana kudale ingqumbo kubahlali bakwaWadi 17. abahlali bale ndawo bathi baxolele ukuxhasa umgqatswa ozimeleyo endaweni kaYenana.

Abahlali bale ndawo bathi bazakuvotela umgqatswa wabo ozimeleyo uXhanti Bolo.

abongile.ginya@inl.co.za