Usizi kubhubha amanesi

Ijike yakrakra imibhiyozo yothweso zidanga yabongikazi abaphuma kwiziko loqeqesho iLilitha ebibanjelwe eFort Hare eDikeni izolo emva kokubhubha kwamanesi amane abesendleleni eya kolu thweso ngethuba befumana ingozi emasikizi yenqwelo-mafutha.

Ingxelo ithi, aba babhubhe kuhola wendlela ophakathi kweXesi kunye nedolophu yaseDikeni. Owesihlanu othe wabhubha kubo ngumsebenzi woncedo olungxamisekileyo.

Le ngozi yenzeke kwindlela uR63 phakathi kweXesi neDikeni.

Ingxelo ithi aba bafundi bebesuka kwiziko eliseLusikisiki bekunye nabazali babo ngethuba befumana ingozi ebangele ukubhubha kwabo.

Othethe egameni labafundi bela ziko * -Aphiwe Qinisa uthethe naloo nginginya eyikhuthaza ukuba ijonge phambili nomsebenzi wokonga abantu.

“Yanga imiphefumlo yabo babhubhileyo ingaphumla ngoxolo, indawo yabo izakubonakala kuba nabo bebedalelwe ukuba badlale indima ethile, thina basaphilayo kumele sisebenze egameni labo,” utshilo uQinisa.

Abongikazi abaphuma eLilitha kwiimbombo zone zeMpuma Koloni badibene kwela ziko lemfundo ephakamileyo iFort Hare ukusukela izolo nalapho bekuthwesa abo bathe bazibalula kwizifundo zokuba ngabongikazi. UProfessor Zide okhokela eLilitha ucenge abongikazi abazakuqala ukuba basebenzele ukugcina isidima salo msebenzi wokonga usemgangathweni. “Yazini ukuba ningena apha ezihlangwini zabantu abakhulu abafana nooFlorence Nightingale nooCecilia Makiwane abazibonakalisa kwasekuqaleni ngalo msebenzi,” uthethe watsho uZide.

Olu thweso zidanga kulindeleke ukuba lungene kusuku lesibini nelu- lolokugqibela namhlanje.

Omnye wabongikazi abasaqalayo okwayimveliso yeli ziko uNomfusi Mama uthi kubuhlungu ukubhubha kwabantu xa kanye bezakuqalisa ukusebenza.

“Zimbi kakhulu ezi ndaba zokushiywa ngaba bantu, basebenze nzima kuba bebefuna ukunceda isizwe ngoku babhubhile, kodwa bayakulifumana ithuba lokwenza lo msebenzi nasemazulwini,” utshilo uMama.

Amagama amaxhoba awanakuchazwa nanjengoko kusaqhutyekwa nenkqubo yokwazisa iintsapho zabo. Amalungu eentsapho asindileyo kule ntlekele akhethelwe bucala esiya kunikwa inkonzo yentuthuzelo.

UMphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uGqirha Pumza Dyantyi udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho eziphulukene nezihlobo. “Sibuhlungu kakhulu silisebe yile ngozi. Yanga ingalala ngoxolo imiphefumlo yamalungu ethu,” kutsho uDyantyi.

Ukanti kusenjalo, amanesi amahlanu asanyangwa esibhedlele emva kwale ngozi.