#SkeemSaam: Bambulalele ntoni uJama

Wonke umntu ngoLwesihlanu wothuke wankwantya kukubhubha ngesiquphe kukaJama Kekana (odlalwa nguOros Mampofu) kumdlalo iSkeem Saam.

Kodwa nakubeni abaninzi bothusiwe sesi sithwakumbe, kubonakala ngathi bona ababhali bebesazi ngoku kwakwiminyaka emibini edlulileyo, phambi kokuba avele uJama kulo mdlalo. Abe TVSA bancokole noBonga Percy Vilakazi, ongumbhali nompapashi weSkeem Saam.

UVilakazi udize ukuba le ndima yayibhalelwe ukuba ibhubhe kakade. Uthi uJama wayezokubonisa ndima ethile ngethuba lo mdlalo wawuqalisa ukusebenza kwibali laseYunivesithi. UVilakazi uyacacisa: “Emva kokwenza uphando lwethu njengababhali, sizama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngobomi baseyunivesithi nezinto abantu abazenzayo, sagqiba kwelokuza nomntu othobekileyo.

Umntu esinokumsebenzisa njengomzekelo, ngoko ke eso sigqibo senziwa phambi kokufumana * -Oros, kwaye lo mlinganiswa wayeza kusweleka.” Kukwavakala ukuba kwakufanele abhubhe msinyane.

Kuqala kwakufanele abe kulo mdlalo iinyanga ezintathu ukuya kwezine, kodwa ababhali baphela bemthanda uJama no-Oros, ngoko ke wahlala iminyaka emibini. Kwakhona, ukuhlala kwakhe ixesha elide kwadala ukungaboni ngasonye kwigumbi lababhali. UBonga usikrobisa kwigumbi lababhali: “Kwakuhleli kukho iyantlukwano kwigumbi lababhali nabadidiyeli bethu. Abanye babevakala besithi ‘Kodwa ewe, abantu bayamthanda kodwa nantsi into esasimzisele yona apha, masingalibali.”

Baze abanye bathi ‘Ewe, siyazi kodwa, hayi okwangoku,’ bihleli ikhona iyantlukwano. “Sithe ekugqibeleni sakuthabatha isigqibo sokuba ‘sele ilixesha ngoku’, besothukile. Sonke besidakumbile.

Xa besibukele esi siqendu ngoLwesihlanu…besiyiva ngokwenene intlungu, ngathi besingazi izakwenzeka. Bibonakala iyinto yokwenene nakuthi.”