UPenny Ntuli uqala isahluko esitsha eGoli

UPenny Ntuli ngumsasazi omtsha weJozi FM. UMFANEKISO: FACEBOOK

Owayesakuba ngumsasazi weGagasi FM uPenny Ntuli uqinisekisile ukuba ufumene ikhaya elitsha kwiJozi FM.

Emva kweentelekelelo ngendawo azakusebenza kuyo, uNtuli uqinisekise ngoLwesibini ukuba ibilusuku lwakhe lokuqala kwesi sikhululo soluntu sizinze eSoweto.

“Ndivuke ngentsimbi yesihlanu kusasa namhlanje. Ndivuyela usuku lwam lokuqala emsebenzini namhlanje. Ndicela nindamkele kwiJozi FM 105.8 (Ijelo 878 kuDSTV),” ubhale watsho uNtuli kwikhasi lakhe likaFacebook.

UNtuli uzakusasaza inkqubo ebizwa ngokuba yiMid Morning Chat Show phakathi kwentsimbi yesithoba kusasa (9am) ukuya kweyeshumi elinesibini emva kwemini (12pm) phakathi evekini.

UNtuli ube ngundaba-mlonyeni emva kokudiza ukuba uyasishiya isikhululo esizinze eThekwini, iGagasi FM, emva kokungavisisani ngokwesivumelwano sengqesho.

Apho waxelelwa ukuba uza kuhlawulwa iR2 800 ngenyanga ngokusasaza inkqubo yeeyure ezintathu ngeeCawe kuphela, nalapho ebeza kuhlawulwa iR711 kwinkqubo nganye.

Abantu babonise inkxaso kulo msasazi ukusukela kwiveki ephelileyo ngethuba echaza izizathu zokulishiya iGagasi FM.

Iyaphokoka imiyalezo ivuyisana noNtuli ngomsebenzi wakhe omtsha.