UMapisa-Nqakula kulindeleke ukuba azinikezele emapoliseni

Kulindeleke ukuba uSomlomo wePalamente uNosiviwe Mapisa-Nqakula azinikezele emapoliseni. UMFANEKISO: Armand Hough/African News Agency (ANA)

USomlomo wePalamente uNosiviwe Mapisa-Nqakula kuza kufuneka azinikezele emapoliseni emva kokuba engaphumelelanga kwisicelo sakhe senkundla sokuthintela abasemagunyeni ukuba bangamvaleli ngezityholo zobuqhophololo. INkundla ePhakamileyo yasePitoli ayifumananga ngxamiseko kwisicelo sakhe sothintelo.

UJaji Sulet Potterill, owenze esi sigqibo ngoLwesibini, uthe ukunika lo myalelo wenkundla kuya kuthetha ukuba wonke umrhanelwa uzakuvela enkundleni ngokungxamisekileyo, ebanga ityala elibuthathaka ngakubo, nto leyo ethintela ukubanjwa kwabo.

UPotterill uthe ukuba nawuphi na umrhanelwa ubhale nje iafidavithi engenasiseko echaza ukuba ukubanjwa kwabo akukho mthethweni, yonke inkqubo yezobulungisa iya kuwa kwaye ilawulwe ngabarhanelwa.

Uthe uMapisa-Nqakula waqinisekiswa ukuba icandelo lama40, liza kusebenza kuphela xa engazinikelanga emapoliseni.

“Kodwa umenzi wesicelo usilele ukwenza njalo iiveki ezimbini,” utshilo uPotterill, esongeza ukuba ukubanjwa iya kuba sisenzo sokugqibela.

Ubhengeze isicelo salo Mphathiswa njengesingangxamisekanga waze wasichitha, ngoku uMapisa-Nqakula kuzakufuneka ahlawule iindleko.

Uqhube wathi uMapisa-Nqakula wanikwa ixesha elaneleyo lokuya kwisikhululo samapolisa kwaye waziswa ngelungelo lakhe lokumelwa ngokusemthethweni.

Ijaji ngoxa yayisenza isigqibo yathi inkundla asiyondlela yokuvakalisa ukubanjwa okungazange kwenzeke njengokungekho mthethweni okanye ukuvakalisa naluphi na uluvo.

UMapisa-Nqakula ujongene namatyala orhwaphilizo alishumi elinesibini (12), axabisa ngaphezu kwezigidi ezine zeerandi (R4,5 million) ngezityholo zokufuna nokufumana izinyobo ngethuba enguMphathiswa wezoKhuselo.