Bagxothwa yinkonzo kumhlaba wabo

Ngonyaka ka2008 isibini esitshatileyo * -Andile kunye noPhumza Makeleni abaphila nokukhubazeka bathatha isigqibo sokuba, mabazenzele ityotyombe labo eNdevana, ecaleni kwendlela ukwenza ubomi bubelula kubo.

Ngoku bahleli ngokungcungcutheka emva kokuba kuthe kwavela iCawa i-Army of Christ Ministries ebanga ngokuba yindawo yayo le, kwaye bona kufuneka baphume kwesi siza.

UPhumza uthi sele besuka kuwusa lo mcimbi kuCeba wengqingqi uMqondiso Ngojo ongakhange akwazi ukubathethelela.

“Esi sakhiwo sasithenga kumntu owayesele eqalile ukwakha apha kodwa wahamba. Qho xa kuvakala ukuba kuza kwakhiwa izindlu apha siyagrogriswa kule ndawo sihleli kuyo. UMfundisi weli bandla ufike ngomhla wesithandathu kweyeKhala ngo2011, esithi usuka enkundleni, kwaye umantyi uyabavumela ukuba mabakhe indlu yangasese apha phambi kwendlu yethu. Kudala sisiya kwisebe lentlalontle sifuna uncedo, kodwa nalo liyangqunga akukho nto yenzekayo,” utshilo uPhumza.

Eyona nto ibenzela ixhala ngoku kukuba kuza kwakhiwa eNdevana, kwaye bona banga ngayifumani indlu ngenxa yale nto yokujijisana ngomhlaba.

Usihlalo wekomiti yabahlali uLungile Nenzele uthi sele kuli xesha elide noko iqhuba le nto.

“Kudala iqhubekeka le nto, ngokolwazi esinalo esasiza siphantsi kukaPumza no-Andile. Kudala sibacacisela abantu beCawa kodwa abafuni ukuva. Umphathi wesithili kwisebe lentlalontle uthe uzakubuyela kuthi neempendulo esizidingayo,” utshilo uNenzele.

Uceba uMqondiso Ngojo uthi yena imenyusa iqhina into yesi siza.

“Into endazama ukuyenza ukuphelisa uchuku kukhwakha indlu yomzuzwana, ndiyakhela esi sibini siphila nokukhubazeka kwacaca ukuba abayifuni le ndlu bafuna ukuhlala esizeni sabo. Bona abantu beCawa bandixokise kakhulu kodwa yonke le nto iza kulungiseka kungekudala,” utshilo uNgojo.