Zikhombene ngeminwe iinkokeli zezopolitiko

Zikhombene ngeminwe iinkokeli zeANC neCope eNgcamngceni eDebe Nek ngaseQonce ngethuba le mibutho ingavumi kunyamezela xa iCope ibilungiselela ukuqhuba intlanganiso yayo kumabala emidlalo yale ndawo.

Inkokeli yeANC kwisebe lale ndawo uMonezi Ndyambo uthi abasazi isizathu sokuba iCope ibambe le ndibano kule ndawo.

“Abanasebe lilapha kule ndawo aba bantu, asiyazi nokuba bazekusixhokonxa na kodwa kuzakuliwa ukuba abasimameli, mabahambe apha ngoku ndithethayo,” enomsindo, utshilo uNdyambo.

Oku kwenzeke lo gama bekulindeleke ukuba ilungu lepalamente lombutho weCope Mfundisi uLievie Sharpley athethe namalungu ombutho wakhe kula ndawo.

Oyinkokheli yeCope kule ndawo noququzelele lo mcimbi uBandlakazi Zuma uziphendulele kwezi zityholo evutha umlilo ngumsindo.

“Asisoze sive ngeANC ukuba masenze ntoni apha kule ndawo nokuba sithuthe abantu ngebhasi nokuba senze ntoni ayifuni bona lo nto, sizakuyiqhuba le ntlanganiso,” uthethe watsho uZuma.

Lo kaZuma uthi abanakoyikiswa ngumbutho ochithakeleyo ofana neANC, uthi bazakwenza oku kuzo zonke iindawo abafikelela kuzo.

UMalobola ushiye elo bala ephelekwa ngamalungu ombutho wakhe ambalwa efunga ngelithi akukho ntlanganiso efana naleyo ezakuqhubeka kwela bala.

“Siyabuya, akukho ntlanganiso yeCope ezakuqhubeka apha, aba bantu beze kulahlekisa abantu bethu ngokubakhombisa izinto ezifileyo ezifana nale Cope yabo,” kutsho uNdyambo. UNdyambo uthi lo mbutho awunamalungu kule ndawo, ngoko bubusela ukuba babonise abantu izinto abangenazo.

“Asisoze soyikiswe ngumbutho weANC apha, siyazazi ukuba sifuna kwenzeke ntoni embuthweni wethu, sizakuqhuba intlanganiso yethu apha ngaphandle kwengxaki,” utshilo uZuma.

Umbutho weCope uqokelele abantu abaphuma kwiilali ezingqongileyo ngeenjongo zokuba babeyinxalenye yale ntlanganiso yabo eyenza amalungiselelo olonyulo.

Kwisithuba seeveki ezimbini ezizayo ilizwe loMzantsi Afrka lizakuba liqhuba ulonyulo loomasipala kuzwelonke.