Izimvo zabafundi bephepha ngesigwebo sika-oscar pistorius

Mbuyiseli Samuel Ntlebi: Lo nto ithetha ukuba uzawuhlala iminyaka emithathu ejele.#kungcono kunesa sigwebo sokuqala.

Dingane Fuleni: Ngebesuke bamyeka abamgweba, kuthetha ukuthi umtu obulele umntu ugwetywa kancinci mos apha eMzantsi Afrika.

Luzuko Ndabeni: Besingalindelekanga ezindlebeni zabantu, kodwa ke ngumdali owaziyo

Elfort WaseIlitha: Sincinci esi sigwebo for umntu obuleleyo.

Mthuthuzeli Lawuse: Ukuba #Oscar ebengumntu omnyama ngefumene minyaka mingaphi #25 #15 #10 zizigwebo mntu omnyama aqaliswa kuzo.

Simlindile Mfati: Mayide idlule maan silungile nesi isigwebo……

Zamasango Siswana: Sinuka ukurhawuka (isirhogolo) isigwebo sika-Oscar!

Athi Majikazana: Ibala lidlala indawo yalo kumthetho walapha eMzantsi.

Simbongile Mlenga: Ujaji Masipa limahlule eli ityala baninzi abantu abanekheyisi ekumila kunje bagwetywe udilika jele.