Ubulele umakhulu nesithandwa sakhe, ababini balwela ubomi esibhedlele

Ongasekhoyo uEzisiwe ‘Ezi’ Simcelile Nozulu (17) kwakunye nomakhulu wakhe uNoma-Indiya Nobholani Nozulu (70) abahlatywe babhubha ngumfana obethandana noEzi eJokweni eSulenkama kuQumbu. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Yizani yizani baphi abantu bayaphela abantwana bam bayafa abantwana bam” La ngamazwi aviwe ngabamelwane ekuzeni kusa ngoMvulo ngethuba usapho lakwaNozulu kwilali iJokweni eSulenkama kude kufuphi nakuQumbu luhlaselwa ngumfana oncuma nomnye weentwazana zeli khaya esele ingasekho nebulewe ngulo mfana kwakunye nomakhulu wayo.

Lo mrhanelwa nobethandanda noEzisiwe Simcelile Nozulu (17) nobebizwa njengoEzi ungene kurontawuli kweli khaya ekuzeni kusa ngoMvulo kule veki, ngethuba usapho lulele lonke ngolu suku kulo rontawuli.

Ingxelo ithi khange abuze ungqale kophambi kwakhe abanye belele phantsi kuthiwa edavuza ebanyathela ekhangela uEzi kuba emtyhola ngokumjolela.

Esi sikhalo besisenziwa ngumama kaEzi nolwela ubomi bakhe esibhedlele eMthatha sithetha nje kwakunye nenye intombi yakhe uAsemahle olwela ubomi bakhe esibhedlele kuQumbu emva kokuhlatywa ngulo mrhanelwa.

Ababini babhubhile, uEzi ebhubhela kwisibhedlela sakuQumbu nobhubhe ecela uncedo, ebhubha nomakhulu wakhe uNoma-Indiya Nomabholani Nozulu (70) obhubhele kwibhedi yakhe kurontawuli wakhe.

Ngokwengxelo yommelwane oncokole neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi la lali yabo yindawo enabafazi bodwa banqabile abantu abangootata ngenxa yempangelo kungoko nabo baye boyika ukuphuma kwangoko xa bebesiva isikhalo sosapho lakwaNozulu. Ukwadize ukuba baphakuphaku kuba oku kubothusile.

Lo mama nongavumanga ukuchazwa kuba esoyikisela ubomi bakhe kwesi sigelekeqe, uthi bengabamelwane bafike umakhulu sele kudala ebanda ebhedini yakhe enenxebakazi entanyeni.

Ababini, uAsemahle echacha ebhedini ezibhijele ngengubo esithi uyagodola naye nohlatywe yile ndoda logama uEzi nobencuma nalo mrhanelwa ebekhala ngoncedo esithi uyaphela linxeba ucela ukusiwa esibhedlele wabe naye ezibhijele ngengubo esithi uyagodola.

Inxeba likaEzi belisezantsi kwendlebe ukuya ezintlafunweni noye wabhubhela kwisibhedlele ebebalekiselwe kuso kuQumbu.

Lo mama uthi okuboyikisayo kukuba umrhanelwa uyaziwa ngowelali engaphesheya, kwaye usaqhubekeka ebhala kuFacebook wakhe ebhala ngakwenzileyo futhi engabonisi kuzisola.

Uthi nosapho lwakwaNozulu alusalali emizini kuba lusoyika ukulala kwikhaya labo.

UPetros Majola weKhula Community Development Project uthi ngoku kuya kusonakala nangakumbi ziziganeko ezenzekayo. UMajola uthi kuyafuneka kona behloliwe abantu abangootata namakhwenkwe ngokwasengqondweni. Uthi baza kujonga usuku batyelele kweli khaya kungekudala.

UWarrant Officer Majola Nkohli usingqinile esi sehlo. Uthi amapolisa aphanda ngetyala lokubulala kwanelokuzama ukubulala.

Umrhanelwa uyaziwa kodwa akakabanjwa. Lowo unolwazi uyabongozwa ekubeni atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane naye.

UEzi ebesenza uGrade 11.