UMpofu ugaye inkxaso eZiphunzana

“Abantu bakruqukile kukunikwa iipasile zokutya nokuphiwa izikipa ezinobuso bukaMongameli Jacob Zuma.” La ngamazwi kasihlalo we-Economic Freedom Fighters (EFF) uDali Mpofu, ngelixa ethetha nabalandeli balo mbutho, kunye nabahlali bakwaWadi 7 eZiphunzana eBuffalo City.

I-EFF ibithe bhazalala kulo lonke eli ngelokugaya inkxaso nanjengokuba sele kushiyeke inyanga phambi kolonyulo loomasipala ngomhla wesithathu kweyeThupha. Phambi kokuya eZiphunzana, uMpofu uqale eZwelitsha, eQonce.

“Injongo yolu hambo lwe-EFF kukwazisa abantu ukuba ngoobani na abagqatswa kwisikhundla sobuceba ngokwee wadi zabo. Kuzo zonke iintlanganiso endithethe kuzo – le yeyona ibalulekileyo kum, ngokuba kusekhaya apha, ndikhulele apha koo-C ndihlala kwindlu enegali elinye. Amabanga am aphantsi ndiwenzele apha, njengabaphathi be-EFF sibambe malunga neentlanganiso ezilikhulu jikelele.

“Sityhala okokugqibela ngoku, kushiyeke inyanga enye phambi kokuba kuvotwe,” utshilo uMpofu.

“Ezi ntlanganiso ziintlanganiso noluntu, sihambe simamela uluntu ukwenzela siyazi ukuba ooceba bethu kweezo wadi siyazi ukuba yintoni na umsebenzi wabo. Abahlali sifuna basixelele ukuba ziintoni eziphambili abafuna kugxininiswe kuzo.”

Abahlali baseZiphunzana kule wadi eyona nto bayibeke phambili lulwakhiwo lwezindlu, kuba bathi sele kuqengqeleke iminyaka engaphaya kwamashumi amabini behlala ematyotyombeni.

UBabalwa Biki okwangumhlali kule wadi, ugxeke uceba wale ndawo uClara Yekiso ngokubahoyi ngokulinganayo ingakumbi xa kuqeshwayo.