Isigwebo esiqatha kumsasazi

Obesakuba ngumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni eGcuwa iKhanya Community Radio, ugwetywe iminyaka engamashumi amathathu eqamele ngenqindi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokubulala uJohn Halefane Sikhosana.

UMonwabisi Nkombi, obesaziwa njengoDJ Monwai ngabaphulaphuli baseKhanya, ufunyenwe enetyala yinkundla yaseGcuwa ekunye noSive Mayila.

Lo DJ wayesenza inkqubo i-International Top 20 ngooLwezihlanu eKhanya, phambi kokuba ashiye kwesi sikhululo kwiminyaka embalwa edlulileyo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi kwakungenyanga yeKhala ngo2014 ngethuba uNkombi, uSikhosana noMayila babezonwabele besela utywala kwindawo ethile eGcuwa. Xa bembona ukuba ushushu uSikhosana, uNkombi noMayila babopha le ndoda ngentambo bamkrwitsha bagqiba bayokumlahla eGcuwa Dam.

Emva koko bathatha imoto yakhe yohlobo lweVW Polo kwaneefowuni zakhe ezimbini babaleka. Umzimba kaSikhosana wafunyanwa emva kweveki udada kwelo dami kwaye uphando lamapolisa lakhokelela ekubanjweni kwesi sibini.

Izixhobo zemoto kaSikhosana zathengiswa sesi sibini lo gama iifowuni zona zafunyanwa kubathengisi baseGcuwa, kucaca ukuba nazo beziye zathengiswa. “Esi sibini siye salivuma ityala,” kutsho osisithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali.

Esi sibini sigwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu ngokuphanga, ze saphinda sagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu ngokubulala.

Inkundla ikwave ukuba uNkombi noSikhosana baziinzalelwane zelali enye eMount Fletcher.

abongile.ginya@inl.co.za