Imibhiyozo egameni leBhishophu yakwaSirayeli

Unikwe imbeko ngenxa yenxaxheba yakhe kuphuhliso lenkonzo yakwaSirayeli uBhishophu Elijah Nkulwana Shweni libandla lakhe eSweetwaters eQonce.

Lo kaShweni ukhokele eli bandla ukusukela ngoTshazimpuzi ngonyaka ka2001 engena ezihlangwini zikaBishophu Jewu Mzimkhulu, kwaye uchazwe ukuba wenze umahluko ukusukela ngoko. Le nkonzo iqhube imibhiyozo yeminyaka elishumi elinesihlanu le nkokheli ikhokele umsebenzi wenkosi kweli bandla.

Othethe egameni lebandla uMvangeli uGqirha Phila Micheal Shweni wenze amabala engwe.”Senza umbhiyozo wokukhokelwa nguye ngenxa yomsebenzi wakhe, ukusukela oko eyinkokheli yethu, wenze umahluko esingakhange siwubone kwezinye inkokheli,”uthethe watsho uShweni. Uthi ibandla eli lizinzile ukusukela oko kwathi kwangena isikhokelo sale ngwevu.

“Usakhele izindlu zenkonzo ezilithoba ukusukela oko ethe wangena esikhundleni seBhishophu yale nkonzo, ubonakala ejonge phambili,” ucacise watsho uShweni. Ingxelo ithi, le Bhishophu yenze umahluko owodwa kulawulo leli bandla ngokumisela nokuvuselela iikomiti ezahlukileyo ezibangele ukuba kubekho utshintsho.”

Sineqela elijongene nabantwana abancinci, sikwanekomiti ejongene nolutsha, ejongo zayo ikukunika abantu abatsha bale nkonzo ithuba lokuba bathathe inxaxheba kwiinkqubo zophuhliso lenkonzo,”utsho ugqirha Shweni.

Le nkonzo kwinyanga ephelileyo iqhube imibhiyozo yeminyaka engamashumi alithoba anesihlanu ikhona kwikomkhulu layo iNtabelanga ngakuKomani. Urhulumente wephondo leMpuma Koloni wazibophelela ukuba uzakuxhasa imibhiyozo yeminyaka elikhulu yokubulawa kwamalungu ale nkonzo kuloo ntaba yembali.

UBhishophu Shweni uthi iinkokheli zebandla lakhe zifungele ukumjikelezisa kwilizwe loMzantsi Afrika ngokubanzi. “Ngowesibini lo walapha eQonce umbhiyozo, ngoku sijonge ukuya eRhawutini naseKapa kwinyanga ka-Agasti noSeptemba,” utshilo uBhishophu Shweni.

Lo Bhishophu uthi uneenjongo zokusa le nkonzo inembali endala eMzantsi Afrika phambili ngokuthi aqinise iinkqubo zophuhliso.

“Le minyaka izayo sizakusebenzela ukuba inkonzo ikhule, imanyane nangaphezulu ukuze ibe yinxalenye yokuphuhla kwentlalo ngokubanzi,” itsho le Bhishophu.