Licela uncedo ixhoba lemvula

Icela uncedo inkosikazi yaseMthatha engenakhaya ukusukela oko yadilikelwa ngumzi wayo ePolar Park ngethuba lezandyondyo zemvula zango2013.

UNothemba Neti onamashumi amathathu anesithathu eminyaka ubudala ohlala kufuphi nechibi laseFort Gale eMthatha uthi, impilo yokuhlala phandle yenziwe yambi nangakumbi nguceba wakwaWadi 8 uEdgar Mapekula ongazange ayinike ngqalelo imeko yakhe ukusukela oko wadilikelwa ngumzi wakhe.

Le nkosikazi iyinxalenye yabantu abahlangulwa ngumasipala waseKing Sabata Dalindyebo bayohlaliswa eholweni eCivic Centre ngaseNorwood, kodwa abanye sele beneendawo zokufihla intloko.

Imeko yokungafumani ndawo yokuhlala sele idale yena nabantwana bakhe abathathu bachatshazelwa sisifo sengqele esabulala omnye wabantwana bakhe oneshumi elinanye leminyaka ubudala ngo2014.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uNeti utyhole uMapekula njengonozala wokuphila ubomi bentlupheko.

“Isono sam kukufika emva kosuku ekwahlangulwa ngalo abanye abantu ngo2013. Xa ndifika amagosa kaSASSA athi andiloxhoba mna andizuxhamla zinto ezazinikwa amaxhoba ezandyondyo zemvula, nyhani ke zange ndifumane kwancedo de kube ngoku. Ndiphila ubomi bokuhlupheka kuba le ndawo ndifihle kuyo intloko asiyo- ndawo engahlala mntu,” utsho uNeti.

Ukwathe: “Ndaya kwamasipala ndenyuswa ndisehliswa ndathunyelwa kwiofisi yentlekele kwathiwa mandize noceba wam, ndakumchaza wafowunelwa ukuba azotyikitya amaxwebhu angqinayo ukuba andinamzi, wavele wathi utata uMapekula uxakekile yena, ndaxelelwa ukuba akhonto ndoncedwa ngayo xa engezi uceba wam.”

Sithetha nje abantwana bakhe bangena bephuma esibhedlele ngenxa yesifo sengqele. Kwelakhe icala umasipala weKing sabata Dalindyebo uphendule ngelithi, le meko kumele iphendulwe nguceba wale wadi. Uceba uEdgar Mapekula uthi uNeti akazange ancedakale emveni kokungabikho ngethuba kuthathwa amagama amaxhoba.

UMapekula uthe: “Izindlu zethutyana zamaxhoba ezandyondyo zemvula zakhutshwa lisebe lohlaliso loluntu ephondweni, lo nto ayizange yenziwa ndim. Abantu abangamaxhoba basazokwakhelwa ngumasipala, kwaye mna ndamdlulisela (Neti) kubantu ababezomnceda ngale ngxaki.”

Ixhoba libongoza nabani onganceda angenelele afumane indawo yokuhlala.