Amagorha ka’1976 asisibonelo kulutsha lwangoku!

Izolo ibilusuku olukhulu kakhulu kweli lizwe loMzantsi Afrika! Bekukhunjulwa amaqhawe esizwe sakowethu athi alwela ukukhululeka kwimbandezelo yoRhulumente wocalu-calulo wangoko. Ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeSilimela, eSoweto, abafundi abamnyama bagqiba kwelokuba ukufundiswa ngesiBhulu – ulwimi olungelilo lwabo – yinto engalunganga. Iintshukumo zabo zange zamkelwe kakuhle nguRhulumente welo xesha.

Kwabhubha abantu abaliqela kwalimala intlaninge yabantu emva kokudutyulwa ngamapolisa ngalo mhla. Zikhona iinguqu njengokuba kwangena uRhulumente okhethwa ngabantu bonke boMzantsi Afrika ngo’1994 – kodwa akukathi ncam, ngoba kusekho izinto ezingekenzeki kakuhle. Apha eMpuma Koloni abantwana abakafumani imfundo esemgangathweni bonke. Kwisikolo esiseXhorha ekuthiwa yiNgangolwandle – abantwana badinge indawo yokufundela iinyanga ezine zonke, kodwa imali yokuhlangabezana neengxaki zemfundo ikhona. Nangoku abantwana abamnyama basafundiswa ngolwimi engasilolabo – isiLungu. Ngokuqinisekileyo kuninzi okufuna ukulungiswa.

Ngaphandle kokunxiba iimpahla zesikolo nokubhiyoza, kuyafuneka ulutsha lwangoku lucinge into olungayenza enokuthi ikhulise ilizwe. Endaweni yokusela utywala, ulutsha maluthethe ngokungeengxaki ezibhuqa uluntu lukhangele nezisombululo. Kwezemidlalo, iqela lebhola ekhatywayo iTornado liwe phantsi kwiinzame zalo zokuya kwaNational First Division emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo ebibanjelwe eBloemfontein. Sithi mabangatyhafi abadlali beTornado.

Ngekumnandi ukuba bebekwazile ukuya kwinqanaba elingasentla, ngoba eli phondo belizakuthi lifumana ibhola ekumgangatho ophezulu futhi nabadlali bebhola abasakhulayo bebezakufumana ithuba lokudlala. Akonakalanga nto ngoba basenalo elinye ithuba lokuzama kwakhona. Sithi huntshu kwiHighlands Park FC enyukele kwi-Absa Premier Soccer League ngoLwesithathu. Yinto elifaneleyo ela qela emva komsebenzi oncomekayo eliwenze kwisizini ephelileyo kwaNFD. Kuhle xa sibona kunyuselwa iqela elidlala ibhola enomtsalane ebantwini.