Isizwe samaXhosa omthonyama

AmaXhosa omthonyama lolona hlanga lwathi lalwa iimfazwe ezininzi nabeLungu abangamaNgesi ukususela ngowe – 1771 phezu komlambo iXelexwa (Gamtoos River) kude kuye kuma kowe – 1878 ngemfazwe yokugqibela eyaziwa ngokuba yekaNgcayechibi.

AmaXhosa akhusela ilizwe lawo iminyaka engaphaya kwekhulu, esilwa ngemikhonto nohlanga oludubula ngemipu. EmaXhoseni ke nanamhlanje ayafumaneka amaqhalo kunye nezaci ezibhentsisa intlaliswano kwezi zizwe. Nanga la mabinzana:

UmLungu mdala intlanzi uyifaka etotini ayivalele ungazi nokuba ibingene ngaphi na; NgumLungu lo umpumlo itsolo uthi tatata; Ndibheja uKhwini; UmLungu mnye; Ndikhetha iBhulu kuneNgesi, kuba iBhulu lutshaba oluza lujamile kanti iNgesi likuntlantlatha likugqibe lincumile.

Xa silanda umnombo kwaXhosa singathi uXhosa uzele uMalangana. Umalangana wayedume ngokoyikeka. Kuthiwa wayehlonitshwa nazizilo zehlathi, ingwe neengonyama zazibaleka ziye kuzifihla emahlathini xa zithe gqi ngaye ezingela.

UMalangana wazala uNkosiyamntu. UNkosiyamntu uzele uCirha, uJwarha noTshawe.Umgca wobukhosi uphele apha kuNkosiyamntu kuba uCirha inkulu akabuzuzanga ubukhosi bohluthwe nguTshawe kuCirha kwidabi lokwahlulwa kwephuthi engqina.

UTshawe uzele uNgcwangu, uNgcwangu uzele uSikhomo, uSikhomo uzele uTogu, uTogu uzele uNgconde, uNgconde uzele uTshiwo, uTshiwo uzele uPhalo, uPhalo uzele uGcaleka noRharhabe. Indlu yasekunene iqale apha kuPhalo.

Xa silanda eli cala likaGcaleka: UGcaleka uzele uKhawuta, uKhawuta wazala uHintsa, uHintsa uzala uSarhili, uSarhili uzala uSigcawu, uSigcawu uzala uGwebinkumbi, uGwebinkumbi uzala uNgangomhlaba (uSalakuphathwa) noZwelidumile. UZwelidumile uzala uXolilizwe.

Kwicala lasekunene uRharhabe: URharhabe uzele uMlawu noNdlambe. UmLawu uzele uNgqika, uNgqika wazala uSandile, uMaqoma, uTyhali noAnta. USandile uzala uGonya, uGonya uzala uFaku, uFaku uzala uArchie Velile, uArchie Velile uzala uMxolisi, uMxolisi uzala uMaxhobayakhawuleza.

Sitshilo sithe esi sizwe samaXhosa omthonyama silwe iimfazwe ezilithoba nabeLungu. Phambi kokuba singene kwiziduko zethu sakuqala ngokukhahlela kubantwana begazi beli khaya lasemaXhoseni.

Iziduko zamaTshawe: AmaTshawe sisona siduko silawula ubukumkani bamaGcaleka nobamaRharhabe. UTshawe usisizukulwana sesithathu ukusuka kuXhosa. Yena ngokuzalwa wayengenkulu; ubukhosi wazidalela ngokubuhlutha kuCirha engqina ngokuthi babangisane ngephuthi. Xa silandela umnombo wamaTshawe: UXhosa uzala uMalangana; ozala uNkosiyamntu; ozala uNgcwangu; ozala uTshawe; ozala uSikhomo; ozala uTogu; ozala uNgconde; ozala uTshiwo; ozala uPhalo.

AmaTshawe ke angumzi omkhulu kakhulu, ukutsho oko azi zindlu ngezindlu; ngoko ke kunzima ukunika isibongo esinye esithe gqibi ngawo. UbuTshawe obu singathi ngumnombo, le ngcambu ke inkulu. Kuze kuthi ke kuloo ngcambu kuvele le nto ibizwa ngokuba ngumlibo, ezi ngcanjana zincinane zisuka kule inkulu.

Iziduko zezindlu zamaTshawe ezingaphambili koGcaleka noRharhabe: Ezi zindlu besele zikho apha kweli lizwe lasemaXhoseni kwangaphambili kokuba uRharhabe ohlukane nomntakwabo ugcaleka aye kuzidalela obunye ubukumkani kumhlaba ophonoshono kweNciba. kaloku ngaphambili umhlaba ophakathi komlambo uMzimkhulu nomlambo iNgcwenxa wawusaziwa ngokuba kusemaXhoseni.

Eli lizwe lalidume kakhulu ngobumnandi, abantu bakhona babedume ngobubele kangangokuba izizwe ezazibaleka intshutshiso zazibalekela emaXhoseni kuba abantu bakhona babengabulali. Lalidume kakhulu eli lizwe ngentlutha, ubisi lwaludlala abantwana bade bancele nezapholo; kwakude kuchutyelwane nangesikhwebu sombona; amakhwenkwe ayesabelana nangentaka encinci iNcede, enye inkwenkwe ithi ndimfuba, enye ithi ndimcala fuba, enye ithi ndimnqe, enye ndimhlubulezi, enye ithi ndimntloko, enye ithi ndimngcaba, enye ndimagutyugutyu. Izinja kweli lizwe bezingathengiswa umntu ebesithi yakuzala injakazi asuke aye kubeka injana embala awuthandayo ithi yakuthungulula ahambe aye kuyithatha azifuyele; kweli lizwe inkomo ibixhelelwa ubuzwe bekuxhamla de kuxhamle nesidenge sembala. Ilizwe lasemaXhoseni yayililizwe lolonwabo.

Nazi ke izindlu ezazisezikhona phambi kokuba kudalwe ubukumkani obubini bamaXhosa: amaNtinde kaTshatshu; amaHleke kaBusoshe; imiDange kaKhubashe; amaMbalu kaSwelindawo; imiNgqalasi kaKomani; amaGwali kaNcamashe; amaGwali kaTyhali.

Zininzi nezinye iziduko zezindlu zamaTshawe esingaziqukanga kolu luhlu ekuza kuxoxwa ngazo kule ndebe yokubuyisa isiNtu ephakanyiswe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa elihamba phambili ekuphuthumeni izithethe namasiko ebesele iduka, elityelwe sisizwe sabantu abathetha isiXhosa.