Izimvo zolutsha ngeJune 16

ULindeka Cezu eDuncan Village (30) Uthe: “Ukuba singaphiwa umsebenzi ngurhulumente ndingalubhiyozela olu suku nam, akukho kwanto inondenza ndibhiyoze, nangoku ndize nje kuba ndizidlulela ngendlela, bendingezi kwalapha.”

Sive waseDuncan Village: “Kumnandi kona namhlanje (izolo) sikhe salibazisa neengqondo. Urhulumente akhonto asenzele yona, sifuna utshintsho ngoku kudala silindile.”

USoso (14) waseMdantsane uthe: “Mna ndisengumntu omtsha, ndisakunqwenela ukufunda izinto ezininzi ezintle kweli lizwe. Ndifunde nangale mbali yeJune 16, ndibenolwazi oluphangaleleyo ngayo.”

-Abongile Ginya