Unyathel’ irhamente ngemoto umfundisi

UMFUNDISI weenyoka uPenuel Mnguni akavumi kugoba phondo noxa nje kukho ingxokolo malunga nenyathelo lakhe lakutshanje lokuqhuba imoto phezu kwemiqolo yamalungu ebandla lakhe.

Le nkokeli yebandla iEnd Times Disciples Ministry, eyaziwa ngokutyisa amalungu ebandla layo iinyoka nezinye izilwanyana ezincinane, ifake ividiyo yemizuzu emibini ejoliswe kwiKomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo eNkcubeko, ezeNkolo neeLwimi zoLuntu (Commission for the Promotion and Protection of the Rights of Cultural Religious and Linguistic Communities).

Kolu shicilelo, le nkokeli ixelela intloko yale komishini uThoko Mkhwanazi-Xaluva ukuba makayeke ukwenza ngathi akayazi apho ikhoyo.

“Andibaleki, niyayazi idilesi yam, ninayo i-imeyili yam, ninayo yonke into,” kutsho le nkokeli kwikhasi likaFacebook lale nkonzo.

UMnguni uthi ngaphambili ebekhe wayithobela imiqathango yale komishini ebimbizela kuyo. “Ndeza nandifumana…zange ndibekwe tyala,” utshilo.

UMnguni ebephendula kwiingxelo zokuba le komishini iyamkhangela emva kokubonwa epapashe imifanekiso apho ebeqhuba imoto phezu kwemiqolo yamalungu amabini ale nkonzo kwinkomfa ebibanjelwe eMpumalanga ngempelaveki.

Emva kokuqhuba imoto phezu kwala malungu, uMnguni uwayalele ukuba aphakame ahambe. Ekuphakameni kwawo, la malungu avele agcwala luvuyo abonwa ekwavuma nengoma.

Emva kokubona oku, uMkhwanazi-Xaluva uthe le nkokeli idlala ngeengqondo zamalungu ale tyalike. “Kukubaphatha gadalala oku,” kutsho uMkhwanazi-Xaluva.

“Kuneka anqandwe phambi kokuba amoshe kakhulu,” kutsho uMkhwanazi-Xaluva okwavakalise ukuba wasokola ngethuba efuna ukuxina ngemibuzo uMnguni kulandela imifanekiso eyapapashwa etyisa irhamente iinyoka neempuku.