OoKhetshe baphanda ukudutyulwa kukaPhahlane

Obambele njengomkomishinala kumapolisa kazwelonke uLieutenant General Khomotso Phahlane ufumene ukonzakala okungephi ngethuba echanwa yimbumbulu xa bekuzanywa ukuqhekezwa ishishini eliseRhawutini ngeCawe.

UPhahlane ebekunye nonkosikazi wakhe iDunkeld ngethuba kuvela olu hlaselo. Isithethi sooKhetshe uBhrigadiya Hangwani Mlaudzi uthi abakholelwa ukuba bebemdubula ngenjongo uPhahlane, kodwa uphando bayalenza.

Uthi, ewe izigrogriso bezikhona ngakuPhahlane ngaphambili. Uthi kodwa kunjanlo bayaqinisekisa ukuba ukhuselekile uPhahlane.

Abarhanelwa baye babaleka emva koko.